Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Babona ntoni abantwana bakho kuwe?

KUBAZALI

8: Mababone Kuwe

8: Mababone Kuwe

KUTHETHA NTONI?

Abazali abangumzekelo bayayenza into abayifundisayo. Ngokomzekelo, awunakulindela ukuba umntwana wakho anyaniseke ukuba uve wena usithi, “Yithi andikho,” xa ungafuni ukuthetha nomntu osemnyango.

“Kudla ngokuthiwa ‘Yenza le nto ndiyithethayo hayi le ndiyenzayo.’ Kodwa kubantwana ayisebenzi njalo. Banjengeziponji ezifunxa yonke into esiyithethayo nesiyenzayo ibe baza kusixelela ukuba indlela esenza ngayo ayifani nale sibafundisa yona.”—David.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Wena, ushumayela usithi ‘Uze ungebi,’ ngaba uyeba na?”—Roma 2:21.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Abazali banefuthe elikhulu kubantwana nakwabo bafikisayo ngaphezu kwaye nabani na nkqu noontanga babo. Loo nto ithetha ukuba ungoyena unelungelo lokubafundisa indlela efanelekileyo, ukuba nawe ke phofu wenza le nto uyifundisayo.

“Singathetha into kaninzi de sizibuze ukuba ngaba lo mntwana umamele kodwa ukuba sikhe asayenza into esiyifundisayo, umntwana uza kuyiqaphela loo nto. Abantwana baqaphela yonke into esiyenzayo, nokuba thina sicinga ukuba abahoyanga.”—Nicole.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ubulumko obuvela phezulu . . . abunaluhanahaniso.”​—Yakobi 3:17.

YINTONI ONOKUYENZA?

Hlola imilinganiselo yakho. Zizinto ezinjani ozibukelayo? Umphatha njani umyeni okanye inkosikazi yakho nabantwana? Unabahlobo abanjani? Ngaba uyabacingela abanye abantu? Ngamafutshane, ngaba ungulo mntu ofuna abantwana bakho babe nguye?

“Mna nomyeni wam asithi abantwana bethu mabaphile ngemithetho esingaphili ngayo.”—Christine.

Xa wenze iimpazamo, cela uxolo. Abantwana bayayazi ukuba akukho mntu ungazenziyo iimpazamo. Ukuba ucela uxolo kumyeni okanye inkosikazi yakho nakubantwana bakho, uza kube ubafundisa ukuba banyaniseke baze bathobeke.

“Abantwana bethu bayafuna ukusiva xa sivuma iimpazamo zethu naxa sicela uxolo ngazo. Ukuba asenzi njalo, nabo abazukuzivuma ezabo iimpazamo.”—Robin.

“Njengabazali, sinefuthe elikhulu kubantwana bethu, ibe indlela esenza ngayo sesona sixhobo sinamandla sinokusisebenzisa kuba basibona qho. Ukujonga indlela abazali abaphila ngayo kufana nokufundiswa oko.”​—Wendell.