2024
ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu
Ukuzincama Kwakhe Kungakunceda Njani Wena?
Sikumemela kwizinto ezimbini:
-
Kwintshumayelo ekhethekileyo yeBhayibhile ethi, “Uvuko Luza Kukoyisa Ukufa!”
-
KwiSikhumbuzo Sokufa KukaYesu
ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu
NgeCawa, Matshi 24, 2024
Kanye ngonyaka, amaNgqina KaYehova akhumbula ukufa kukaYesu njengokuba wayalela ukuba senze njalo xa wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—Luka 22:19.
INTSHUMAYELO EKHETHEKILEYO YEBHAYIBHILE
“Uvuko—Luza Kukoyisa Ukufa!”
Le ntshumayelo iza kunikelwa kwimpela-veki engaphambi nje kweSikhumbuzo. Isithethi siza kuthetha ngokuba ukuvuswa kukaYesu kunokukunceda njani wena nabantu obathandayo.
Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza
Siza kuthatha ixesha elingakanani esi sikhumbuzo?
Siza kuthatha into epha kwiyure enye.
Siza kuba phi?
Buza kumaNgqina KaYehova ngendawo esiza kuba kuyo kufutshane nawe.
Kungenwa ngemali?
Hayi.
Iyaqokelelwa inkongozelo?
Hayi. AmaNgqina KaYehova awaqokeleli nkongozelo kwinkonzo yawo.
Kukho indlela ethile yokunxiba?
Nangona kungabekwanga ndlela yokunxiba, amaNgqina KaYehova azama ukuthobela icebiso leBhayibhile lokunxiba kakuhle nangendlela ehloniphekileyo. (1 Timoti 2:9) Akunyanzelekanga ukuba unxibe iimpahla eziduru.
Kuza kwenzeka ntoni kwesi Sikhumbuzo?
Esi sikhumbuzo siza kuvulwa size sivalwe ngengoma nomthandazo owenziwa ngumzalwana oliNgqina likaYehova. Eyona nto ibalulekileyo kwesi Sikhumbuzo yintshumayelo eza kube ithetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukufa kukaYesu nokuba isinceda njani into esayenzelwa nguThixo noKristu.
Ezinye iZikhumbuzo ziza kuba nini?
2024: NgeCawa, Matshi 24
2025: NgoMgqibelo, Aprili 12
2026: NgoLwesine, Aprili 2
Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi, “Kutheni AmaNgqina KaYehova Esenza ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Ngokwahlukileyo Kwezinye Iinkonzo?”
Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ezi vidiyo zilandelayo.
Bukela izinto ezintle eziza kwenzeka kwixesha elizayo ngenxa yokusifela kukaYesu.
Mhlawumbi wakhe weva ukuba uYesu wafela izono zethu. Kodwa ngaba nyhani ukufa komntu omnye kunganceda iimiliyoni zabantu?