Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukukhuthala emsebenzini kufana nokuzilolonga; kukunceda ngoku kwaye kuza kukunceda nakwixesha elizayo

KULUTSHA

11: Ukukhuthala

11: Ukukhuthala

KUTHETHA NTONI?

Abantu abakhutheleyo abawonqeni umsebenzi. Kunoko, bayazimisela emsebenzini ukuze baziphilise kwaye bancede abanye abantu—kwanokuba benza umsebenzi ongayi kubenza banconywe ngabantu.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Ebomini, kufuneka usebenzile, uthanda ungathandi. Kuyanceda ukukhuthala kweli hlabathi linabantu abangawuthandiyo umsebenzi.​—INtshumayeli 3:13.

“Ndiye ndabona ukuba xa uzimisela emsebenzini, uye uzidle ngaloo nto uyenzileyo kwaye waneliseke. Loo nto iye yandenza ndawuthanda umsebenzi. Enye into, xa ukhuthele emsebenzini uzenzela igama elihle.”​—Reyon.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kulo lonke uhlobo lokubulaleka [okanye ukukhuthala emsebenzini] kubakho ingenelo.”​—IMizekeliso 14:23.

YINTONI ONOKUYENZA?

Zama ukuwujonga ngendlela efanelekileyo umsebenzi ngokwenza ezi zinto zilandelayo.

Zidle ngokwenza izinto kakuhle. Nokuba wenza imisebenzi yasekhaya, ugqibezela umsebenzi wesikolo ekhaya, okanye uyaphangela, zimisele kuloo nto uyenzayo. Xa sele ukwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi, khangela iindlela zokuwenza ngokukhawuleza okanye bhetele. Xa uwucwaba umsebenzi wakho, uza kuwuthanda.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani; akayi kuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.”​—IMizekeliso 22:29.

Sukucinga ngawe wedwa. Kumaxesha amaninzi, xa uwenza kakuhle umsebenzi wakho, nabanye abantu bayancedakala. Ngokomzekelo, xa uyikhuthalele imisebenzi yakho yasekhaya, kuba lula nakubantu bakowenu.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

Yenza ngaphezu koko kulindelweyo. Kunokuba wenze nje loo nto uyithunyiweyo, zama ukwenza nangakumbi. Xa usenjenjalo, iba nguwe olawula ubomi bakho—wenza ngaphezu koko kulindelweyo, hayi kuba unyanzelwa, kodwa kuba uzikhethele.​—Mateyu 5:41.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Isenzo sakho esilungileyo, singabi sesokunyanzelwa, kodwa sibe sesokuthanda kwakho.”​—Filemon 14.

Ungabaxi. Abantu abakhutheleyo abangomavila bengengawo namakhoboka omsebenzi. Bayazimisela emsebenzini kodwa baba nalo nexesha lokuphumla.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”​—INtshumayeli 4:6.