Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuthetha kunjengebhlorho ekudibanisa nabantwana bakho

KUBAZALI

5: Thethani

5: Thethani

KUTHETHA NTONI?

Ukuze yenzeke kakuhle le nto, kufuneka wena mzali nabantwana bakho nichazelane ngezinto enizicingayo nangendlela enivakalelwa ngayo.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Kusenokuba nzima ukuthetha nabantwana xa befikisa. Incwadi ethi, Breaking the Code ibonisa ukuba xa abantwana bebancinci bathetha yonke into kubazali babo kodwa bathi xa befikisa bazifihle ezinye izinto baze abazali bangazi ukuba abantwana babo bacinga ntoni okanye bavakalelwa njani. Nangona bebonakala ngathi abafuni kuthetha, lelona xesha bakudinga ngalo ukuthetha eli!

YINTONI ONOKUYENZA?

Kulungele ukuthetha nomntwana wakho nanini na efuna. Thetha naye kwanokuba kusebusuku.

“Ngelinye ixesha ingaske uthi, ‘Kungona ufuna ukuthetha ngoku? Ubuhleli nam imini yonke, ungathethi nto!’ Kodwa yintoni ekhalazisayo xa umntwana wakho efuna ukuthetha nawe? Kaloku yiloo nto siyifunayo nje singabazali.”​—Lisa.

“Ndiyabuthanda ubuthongo, kodwa ezona ncoko zimnandi endakha ndanazo kunye nabantwana bam abafikisayo zezasezinzulwini zobusuku.”​—Herbert.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.”​—1 Korinte 10:24.

Yilwa izinto eziphazamisayo. Omnye utata uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndicinge ngezinye izinto ngoxa abantwana bam bethetha. Badla ngokuyibhaqa loo nto!”

Ukuba nawe uyafana nalo tata, cima iTV uze ubeke phantsi ifowuni nezinye izixhobo ze-elektroniki. Mmamele umntwana wakho yonke into ayithethayo uze uyithathe njengebalulekileyo nokuba ibonakala incinci kuwe.

“Kufuneka sibenze abantwana bethu baqiniseke ukuba indlela abaziva ngayo ibalulekile kuthi. Xa bebona ngathi ayibalulekanga bazakuzithulela okanye bayokuthetha nabanye abantu.”—Maranda.

“Sukubhabhazela ngumsindo xa umntwana ethetha into, nokuba ibheke ecaleni.”—Anthony.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Nikelani ingqalelo kwindlela eniphulaphula ngayo.”—Luka 8:18.

Wasebenzise namanye amathuba. Ngamanye amaxesha abantwana bayakhululeka xa nithetha izinto ningadanga nahlala phantsi.

“Thina siye sincokole xa sihamba ngemoto. Xa sihleli kunye emotweni sincokola kamnandi kunaxa sihleli phantsi endlwini.”​—Nicole.

Amanye amathuba avela xa sisitya.

“Kwisidlo sangokuhlwa, umntu uye abalise ngento entle nembi eye yenzeka kuye ngolo suku. Le nto isenza simanyane, mntu ngamnye abone ukuba akayedwa kwingxaki anayo.”—Robin.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Khawuleza ukuva, uze ucothe ukuthetha.’​—Yakobi 1:19.