Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuthetha ngentlonelo kuwugcina womelele umtshato

KUMYENI NENKOSIKAZI

3: Ukuhlonelana

3: Ukuhlonelana

KUTHETHA NTONI?

Abantu abatshatileyo abahlonelanayo bayakhathalelana naxa bengavumelani ngento. Incwadi ethi Ten Lessons to Transform Your Marriage ithi: “Abantu abatshatileyo abanjalo ababi nenkani baze bangafuni kutshintsha kwiimbono zabo. Kunoko, bayaqhubeka bethetha ngezinto abangavumelani ngazo. Babamamela ngembeko abayeni namakhosikazi abo baze bafune icebo eliza kusebenzela wonke umntu.”

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Uthando . . . alufuni ezalo izilangazelelo.”​—1 Korinte 13:4, 5.

“Ukuhlonela inkosikazi yam kuthetha ukuba ndimele ndimxabise kwaye ndingenzi nantoni na eza kuchitha umtshato wethu.”​—Micah.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Xa abantu abatshatileyo bengahlonelani, baye bathande ukugxekana, ukuphoxana, nokudelelana—ibe abaphandi bathi ezi zinto zikhokelela ekuqhawukeni komtshato.

“Ukukwekwa, ukuthetha amazwi ahlabayo, okanye ukuqhula ngenkosikazi yakho kuyenza ingazithembi, ingakuthembi nawe, ibe kuyawuchitha umtshato wenu.”​—Brian.

YINTONI ONOKUYENZA?

KHAWUZIBUZE LE MIBUZO

Khawukhe uqwalasele izinto ozithethayo nozenzayo kangangeveki. Emva koko zibuze:

  • ‘Ndimgxeke kangaphi ndaza ndamncoma kangaphi umyeni okanye inkosikazi yam?’

  • ‘Ndiye ndabonisa njani ukuba ndiyamhlonela umyeni okanye inkosikazi yam?’

THETHA NGEZI ZINTO NOMYENI OKANYE INKOSIKAZI YAKHO

  • Ndifuna umyeni wam athethe kwaye enze ntoni ukuze ndizive ndihlonelwa? Yena?

  • Chazela umyeni okanye inkosikazi yakho izinto ezenzayo nezithethayo ezikwenza uzive ungahlonelwa. Naye makakuchazele ezakhe.

NANGA AMACEBISO

  • Bhala iindlela ezintathu ongathanda inkosikazi okanye umyeni wakho akubonise ngazo ukuba uyakuhlonela. Naye makabhale ezakhe. Mnike ezakho, naye akunike ezakhe, nize nilungise kwezo ndawo kufuneka nilungise kuzo.

  • Bhala izinto ezintle ezithandekayo ngomyeni okanye ngenkosikazi yakho. Emva koko mxelele indlela ozithanda ngayo ezo zinto.

“Ukuhlonela umyeni wam kuthetha ukuba izenzo zam mazibonise ukuba ndimxabisile kwaye ndifuna onwabe. Akufuneki ude wenze into enkulu; ngamanye amaxesha izinto ezincinci nje zibonisa ukuba ndimhlonela nyhani.”​—Megan.

Ekugqibeleni, eyona nto ibalulekileyo asikokuba wena uzijonga njengomntu onentlonelo kusini na; kukuba umyeni okanye inkosikazi yakho iziva ihlonelwa na nguwe.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.”​—Kolose 3:12.