Yiya kwinkcazelo

Iintlanganiso Zebandla ZamaNgqina KaYehova

Funda okungakumbi ngeentlanganiso zethu. Khangela indawo yeentlanganiso ekufutshane nawe.

Fumana Indawo Ekufutshane Nawe (ivula kwenye i-window)

Kwenziwa Ntoni Kwiintlanganiso Zethu?

AmaNgqina kaYehova ayadibana ukuze anqule kabini ngeveki. (Hebhere 10:24, 25) Kwezi ntlanganiso, ekwamkeleke wonke umntu kuzo, siye sihlolisise oko kuthethwa yiBhayibhile nendlela esingazisebenzisa ngayo iimfundiso zayo ebomini bethu.

Iinxalenye ezininzi kwiintlanganiso zethu zifuna ukuba abaphulaphuli babe negalelo, ngokungathi kuseklasini. Iintlanganiso ziqaliswa zize zivalwe ngengoma nomthandazo.

Akunyanzelekanga ukuba ube liNgqina likaYehova ukuze uye kwiintlanganiso zethu. Kumenywa wonke umntu. Kungenwa simahla. Akukho nkongozelo.