Ibandla ngalinye likhokelwa liqumrhu labadala. Amabandla amalunga nangama-20 enza isiphaluka, yaye iziphaluka ezimalunga ne-10 zenza isithili. Amabandla atyelelwa rhoqo ngabadala abahambahambayo, ababizwa ngokuba ngabaveleli besiphaluka nabaveleli besithili.

Ulwalathiso nemiyalelo esekelwe eBhayibhileni iza ivela kwiQumrhu Elilawulayo elinamaNgqina kaYehova anamava asebenza kwiiofisi zamaNgqina kaYehova eziseBrooklyn, eNew York.—IZenzo 15:23-29; 1 Timoti 3:1-7.