Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile

Phanda ngento ethethwa ziivesi zeBhayibhile namagama athile. Funda indlela ezicaciswa ngayo iivesi zeBhayibhile kumanqaku athetha ngazo. Funda imibhalo esemazantsi neembekiselo ukuze wazi nezinye izinto.

Kucaciswa iGenesis 1:1​—“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba”

Zeziphi iinyaniso ezimbini ezikule vesi yokuqala yeBhayibhile?

Kucaciswa IEksodus 20:12​—“Hlonipha Utata Wakho Nomama Wakho”

Uthixo wanika amaSirayeli isithembiso sokuba aza kuphila kakuhle xa emthobela.

Kucaciswa iNdumiso 23:4—“Nangona Ndihamba Kwintlambo Emnyama Kakhulu”

UThixo ubakhusela njani abakhonzi bakhe aze abahoye naxa besebunzimeni?

INdumiso 37:4 Iyacaciswa—“Vuya Kakhulu NgoYehova”

Le ndumiso isinceda njani sifumane ubulumko size sibe ngabantu abavuyisa uThixo?

Kucaciswa iNdumiso 46:10​​—“Nikezelani, Nazi Ukuba NdinguThixo”

Ngaba le vesi ithetha ukuba masithule xa sisecaweni?

Kucaciswa IMizekeliso 3:5, 6—“Ungayami Ngokwakho Ukuqonda”

Ungabonisa njani ukuba uthembe uThixo ngaphezu kwakho?

IMizekeliso 16:3—“Thembela KuYehova Kuyo Yonke Into Oyenzayo”

Zeziphi izizathu ezimbini esenza abantu badinge ukucela ukhokelo kuThixo xa besenza izigqibo?

Kucaciswa IMizekeliso 17:17 —“Umhlobo Unothanda Ngamaxesha Onke”

La mazwi ayichaza kakuhle into yokuba unjani umhlobo wokwenene.

IMizekeliso 22:6 Iyacaciswa—“Mqeqeshe Umntwana Ngendlela Amele Ahambe Ngayo”

Yeyiphi ‘indlela’ umntwana amele ahambe ngayo? Ngaba mntu ngamnye uneyakhe?

INtshumayeli 3:11 Iyacaciswa—“Yonke Into Uyenze Yantle Ngexesha Layo”

Imisebenzi kaThixo emihle ayiphelelanga nje kwizinto azidalileyo. Ikunceda njani lonto?

Kucaciswa UIsaya 26:3​—“Uza Kubakhusela Abo Bayame Ngawe Ngokupheleleyo Uza Kubenza Bahlale Benoxolo”

Ngaba singakwazi nyhani ukuhlala siseluxolweni? Kuthetha ukuthini ukuba neenjongo ezingatshintshiyo?

Kucaciswa uIsaya 40:31—“Abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke”

Kutheni izibhalo zifanisa ukhozi olubhabhayo nomntu ofumana amandla kuThixo?

Kucaciswa UIsaya 41:10—​“Sukoyika Kuba Ndinawe”

UYehova usebenzisa amazwi anceda abakhonzi bakhe baqonde ukuba uza kubanceda.

Kucaciswa UIsaya 42:8 —“NDIYINKOSI

Leliphi igama uThixo awakhetha ukuzibiza ngalo?

Kucaciswa UYeremiya 11:11—“Ndibazisela Ububi”

Ngaba uThixo wabazisela ‘ububi’ abantu bakhe, okanye wayebuvumela?

Kucaciswa uYeremiya 33:3—“Ndibize, Yaye Ndiza Kukuphendula”

UThixo wathembisa abantu babesamkela isimemo sakhe ukuba wayeza kubaxelela “izinto ezinkulu nezingaqondekiyo.” Zeziphi ezo zinto? Ngaba wenza njalo nanamhlanje?

Kucaciswa uMika 6:8​—“Hamba Ngokuthobeka NoThixo Wakho”

Le vesi ichaza into uThixo ayilindeleyo kuthi ngamazwi alula nacacileyo.

Kucaciswa uMateyu 6:34​—“Sukuzikhathaza Ngengomso”

Funda uMateyu 6:34 kwiinguqulelo zeBhayibhile ezahlukeneyo, ujonge into ekuthethwa ngayo, iimbekiselo nestudy notes zale vesi. Funda into ethethwa yile vesi.

Kucaciswa uMarko 1:15​—“UBukumkani bukaThixo busondele”

Funda uMarko 1:15 kwiinguqulelo zeBhayibhile ezahlukeneyo. Funda oko kuthethwa yile vesi.

Kucaciswa uMarko 11:24—“Zonke Izinto Enizicela Ngomthandazo, Yibani Nokholo Ngathi Sele Nizifumene”

Icebiso lukaYesu ngokholo nomthandazo lingasinceda njani simelane neengxaki namhlanje?

Kucaciswa ULuka 1:37—“UThixo Soze Angayenzi Into Ayithethileyo”

Akukho nto inokubangela ukuba angazenzi izinto azithembisileyo. Ithetha ukuthini loo nto kuwe?

Kucaciswa uYohane 14:27—“Ndinishiya Noxolo”

Loluphi olu xolo uYesu wayeza kubashiya nalo abapostile bakhe? Sinokulufumana njani?

Kucaciswa uYohane 16:33​—“Ndiloyisile Ihlabathi”

Amazwi kaYesu ayeza kubaqinisekisa njani abalandeli bakhe ukuba banokuphumelela xa bethobela uThixo?

IZenzo 1:8 Ziyacaciswa—“Niya Kunikwa Amandla”

UYesu wathembisa abalandeli bakhe awaphi amandla, ibe loo mandla ayeza kubanceda benze ntoni?

Kucaciswa AmaRoma 5:8—‘UKristu Wasifela Sisengaboni’

Kuba abantu benesono, baye bacinge baze benze izinto ezingavumelaniyo nemithetho kaThixo, ngoko singanalo njani ithuba lokuba ngabahlobo bakaThixo ngoku, nethemba lobomi obungunaphakade kwixesha elizayo?

Kucaciswa amaRoma 10:13—“Obiza Egameni LeNkosi”

Nokuba singaboluphi uhlanga, ibala okanye zithini iimeko zethu, uThixo usinika ithuba lokusindiswa nokufumana ubomi obungunaphakade.

1 Korinte 10:13—“UThixo Uthembekile”

Zeziphi iindlela okusinceda ngayo ukuthembeka kukaThixo xa sineengxaki?

Ama-2 Korinte 12:9 Ayacaciswa—“Ububele Bam Esele Ndikwenzele Bona Bukwanele”

UPawulos wancedwa njani bububele bukaThixo? Bungasinceda njani thina?

Kucaciswa amaGalati 6:9—“Masingayeki Ukwenza Izinto Ezilungileyo”

Kuza kwenzeka ntoni kumaKristu angayekiyo ukwenza izinto ezilungileyo?

Kucaciswa AmaFilipi 4:6, 7 —“Sanukuba Naxhala Lanto”

Yeyiphi imithandazo enokunceda abakhonzi bakaThixo bangabi naxhala baze bafumane uxolo lwangaphakathi?

Kucaciswa AmaFilipi 4:8—“Hlalani Nicinga Ngezinto Eziyinyaniso”

Ziintoni amaKristu afanele ahlale ecinga ngazo?

Kucaciswa amaFilipi 4:13​—“Ndiyakwazi Ukwenza Zonke Izinto Kuba Ndincedwa NguKristu”

Wayethatha ukuthini uPawulos xa wathi uza kufumana amandla ‘azo zonke izinto’?

Kucaciswa amaKolose 3:23—“Nantoni Na Eniyenzayo, Yenzeni Ngomphefumlo Wenu Wonke”

Indlela umKristu azenza ngayo izinto ihambelana njani nendlela amkhonza ngayo uThixo?

Kucaciswa u-2 Timoti 1:7​—“UThixo Akasinikanga Moya Wabugwala”

UThixo unokumnceda njani umntu ayeke ukoyika aze abe nesibindi sokwenza into elungileyo?

Kucaciswa amaHebhere 4:12—“ILizwi LikaThixo Liyaphila, Liyasebenza”

Ngaba uyalivumela ilizwi likaThixo lisebenze ebomini bakho? Loo nto ibonisa ntoni ngawe?

Kucaciswa amaHebhere 11:1—“Ukholo Bubungqina Bezinto Esinethemba Lazo

Luqine kangakanani ukholo lokwenene futhi lubaluleke kangakanani?

Kucaciswa ISityhilelo 21:1—“Izulu Elitsha Nomhlaba Omtsha”

Ziintoni iBhayibhile ezithethayo ezibonisa eyona nto ithethwa yile vesi?

Kucaciswa ISityhilelo 21:4—“Uza Kuzosula Zonke Iinyembezi”

Le vesi ithetha ngezithembiso ezininzi eziza kwenzeka.