Iindaba
Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2026 #5
Kule ngxelo, siza kuthetha ngokuba kutheni kubalulekile ukuqinisa ukholo lwethu yonke imihla. Siza kuthetha nangezinto ezintsha nezikhuthazayo esiza kuzisebenzisa entsimini.
Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2026 #4
Kule nkqubo, siza kuthetha ngeengxelo ezikhuthazayo zakutshanje ezingokutyelelwa kwamasebe . Siza kuthetha nangezigqibo ezenziwe ziinkundla zamatyala ngokuphathelele amaNgqina kaYehova eNorway naseSweden.
Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2026 #3
Kule ngxelo, siza kuthetha ngendlela abazalwana noodadewethu baseRussia abaye banyamezela ngayo ukususela oko kwavalwa umsebenzi wethu kwiminyaka eyi-9 edlulileyo. Siphinde sazise ngokukhululwa kweziqendu 4, 5, no-6 zedrama ethi IBali Elingobulungiseleli BukaYesu.
Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2026 #2
Kule ngxelo, siza kucacisa indlela umntu anokuzenzela ngayo isigqibo sokuba uyavuma ukusebenzisa igazi lakhe kwezonyango naxa esenziwa utyando okanye akunjalo.
Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2026 #1
Kule ngxelo, siza kuthetha ngolwalathiso olutsha lokuqhuba izifundo zeBhayibhile ngokuphumelelayo sisebenzisa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!

