Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UVUKANI! No. 2 2018 | Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho

Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho

Sisoloko sisiva ukuba kumoshakele ndawoni kwezinye iintsapho. Kodwa yintoni enceda ezinye ukuba ziqhube kakuhle?

  • EMerika, phakathi kuka-1990 no-2015, liye laphindeka kabini inani labantu abaye baqhawula umtshato abaneminyaka engaphezu kwe-50 laza laphindeka kathathu kubantu abaneminyaka engaphezu kwe-65.

  • Abazali baxakiwe: Ezinye iingcali zithi abantwana kufuneka usoloko ubancoma ngoxa abanye besithi kufuneka wenze loo nto iza kubanceda.

  • Abantu abasebatsha bayakhula bade babe badala bengayazi ukuba baza kwenza njani ukuze baphumelele.

Sekunjalo, inyaniso kukuba . . .

  • Kungamnandi emtshatweni baze abo batshatileyo bahlale bemanyene.

  • Abazali bangakwazi ukubaqeqesha ngothando abantwana babo.

  • Ulutsha lungafumana ubuchule obuza kulunceda naxa lukhulile.

Njani? Lo Vukani! uza kuthetha ngezinto eziyi-12 ezonwabisa usapho.

 

1: Ukuzimisela

Amacebiso amathathu anokunceda abantu abatshatileyo bangohlukani.

2: Ukusebenzisana

Ngaba umntu otshate naye ingathi ngumntu nje ohlala kunye naye?

3: Ukuhlonelana

Zazi izinto ezibalulekileyo ukuze umyeni okanye inkosikazi yakho izive ihlonelwa.

4: Ukuxolelana

Yintoni engakunceda ubone ngaphaya kweempazamo zomyeni okanye zenkosikazi yakho?

5: Thethani

Izinto ezintathu ezingakunceda usondele kubantwana bakho.

6: Baqeqeshe

Ngaba ingqeqesho yenza umntwana angazithembi?

7: Indlela Yokuziphatha

Yiyiphi imithetho ofanele ubafundise yona abantwana bakho?

8: Mababone Kuwe

Ukuba ufuna abantwana bakho bazive izinto ozithethayo, zenze.

9: Zazi Ukuba Ungubani

Ulutsha lunokuzimela njani izinto oluzikholelwayo?

10: Abantu Mabakuthembe

Kubalulekile ukuthenjwa ngumzali wakho ukuze ukhule.

11: Ukukhuthala

Ukufunda ukukhuthala usemncinci kuya kukunceda uphumelele kuyo yonke into oyenzayo ebomini.

12: Izinto Ozimisele Ukuzenza

Xa ude wazenza izinto obuzimisele ukuzenza uye uzithembe, ube nabahlobo kwaye wonwabe.

Ezinye Izinto Ezinganceda Usapho

Amacebiso eBhayibhile anokusinceda sonwabe emtshatweni nasentsatsheni.