Yiya kwinkcazelo

Ukukhulisa Abantwana Abafikisayo

Ukuncokola

Ukuqeqesha Abantwana Abafakisayo Ukuze Balungele Ukuba Ngabantu Abadala

Ngaba umntwana wakho omkhulisayo uyafikisa? Ukuba kunjalo, unokumnceda njani ukuba akulungele ukuba ngumntu omdala?

Indlela Yokuthetha Nomntwana Wakho Ofikisayo

Ngaba uyacaphuka xa uthetha nomntwana wakho ofikisayo? Ziintoni ezibangela loo nto?

Ukunxibelelana Nabantwana Abafikisayo

Ungathetha njani nomntwana ofikisayo ongafuniyo ukuphendula imibuzo?

Ukuthetha Nomntwana Wakho Okwishumi Elivisayo Ningakhange Nide Nixambulisane

Umntwana wakho okwishumi elivisayo uzama ukuzazi ibe ufuna ukuzibonakalisa ukuba ungubani. Unokumnceda njani?

Xa Intombi Yakho Efikisayo Inestres

Amantombazana amaninzi aye akhathazwe lutshintsho olwenzekayo kuwo. Abazali banokuwanceda njani oyise istres?

Xa Umntana Wakho Efuna Ukuzibulala

Bangenza ntoni abazali xa umntana wabo ecinga ngokuzibulala?

Xa Umntwana Wakho Okwishumi Elivisayo Eluthandabuza Unqulo Lwakho

Indlela owusingatha ngayo lo mbandela isenokugqiba enoba umntwana wakho uza kusondela kunqulo lwakho okanye uza kuchasela kude kulo.

Uqeqesho

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ebangela Ukuba Ungamthembi

Sukucinga ukuba umntwana wakho uzixelele ukuba akazokumamela. Ninokuphinda nithembane.

Indlela Yokuqeqesha Umntwana Wakho Ofikisayo

Ukuqeqesha kuthetha ukufundisa. Imigaqo yeBhayibhile inganceda abantwana bakho abafikisayo ukuba bathobele.

Ungamnceda Njani Umntwana Wakho Apase Esikolweni?

Jonga ukuba yintoni ingxaki uze umkhuthaze ukuba afunde.

Indlela Yokumisela Umntwana Wakho Ofikisayo Imithetho

Yintoni onokuyenza xa umntwana wakho esoloko engayithandi imithetho oyibekayo?

Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle I-Intanethi

Kunokuba ube ngqongqo kwimithetho oyimisela umntwana wakho, menze akuqonde ukubaluleka kokuba aziphathe kakuhle.

Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?

Imibuzo emine enokunceda wenze isigqibo sobulumnko.

Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom

Abanye abantwana abafikisayo bazenzakalisa emzimbeni ngabom. Bayenziswa yintoni le nto? Unokumnceda njani umntwana wakho?

Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni

Sukulinda kwenzeke into kumntwana wakho. Thetha nomntwana wakho ngeengozi zokuthumelelana imiyalezo nemifanekiso yamanyala ngefowuni.