Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni

Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni

INGXAKI

Uye weva ukuba ukuthumelelana imiyalezo nemifanekiso yamanyala ngefowuni (sexting) kuxhaphakile kulutsha. Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ngaba umntwana wam okwishumi elivisayo angayenza le nto?’

Uyafuna ukuthetha nomntwana wakho ngale nto—kodwa uza kuthini? Ngaphambi kokuba uphendule, khawucinge ngesizathu sokuba abanye abantwana benze oku nokuba kutheni umele uxhalabe. *

ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA

  • Abanye abantwana abakwishumi elivisayo bathumela imiyalezo engamanyala kwabo babancwasileyo.

  • Kwezinye iimeko intombazana ithumelela umfana umfanekiso wayo ihamba ze kuba eyinyanzela ukuba yenjenjalo.

  • Ngamanye amaxesha umfana usenokuthumelela iitshomi zakhe ifoto yentombazana ehamba ze kuba efuna zonwabe okanye ebuyisa isixhiba emva kokuba bohlukene.

Nokuba siyintoni na isizathu, umntwana oneselfowuni unokungena engxakini enkulu. Incwadi ethi CyberSafe ithi: “Ngokucofa nje iqhosha elinye, ubomi babantu bunokutshintsha ngokupheleleyo.”

Abantu abaninzi abayiqondi into yokuba xa befake umfanekiso kwi-intanethi abasakwazi ukuyilawula indlela osetyenziswa ngayo. Elinye inqaku elakhutshwa yiFederal Bureau of Investigation (FBI) yaseUnited States lithi, enye intombazana eneminyaka eyi-18 “yazibulala emva kokuba umfanekiso wayo ihamba ze eyayiwuthumelele umfana ethandana naye wathunyelelwa abantwana abaninzi eyayifunda nabo. Kubonakala ngathi yayihlutshwa nangabanye abantwana ababeqhubeka bethumelelana lo mfanekiso.”

Nomthetho ukuthabathela amanyathelo oku. Ngokomzekelo, kwezinye iindawo abantwana abaye bamangalelwa ngokuthumelela abanye imifanekiso engamanyala, bagqalwa njengabantu abaye babandakanyeka kulwaphulo-mthetho lokuxhaphaza ngesini! Nawe mzali usenokubekw’ ityala ukuba ifowuni ibhaliswe ngegama lakho, okanye awenzi zinzame zokuthintela umntwana wakho kwesi senzo.

 OKO UNOKUKWENZA

Beka imithetho ecacileyo. Nangona ungenakukwazi ukusoloko ugadene nendlela umntwana wakho ayisebenzisa ngayo ifowuni yakhe, unokuqiniseka ukuba uyayazi imithetho ombekele yona—kunye noko kuza kwenzeka xa eyophula. Nantsi enye into omele ungayilibali, njengomzali, unelungelo lokuyijonga ifowuni yomntwana wakho.Umgaqo weBhayibhile: Efese 6:1.

Nceda umntwana wakho acingisise ngale nto. Unokuthi: “Abantu banezimvo ezahlukahlukeneyo ngemiyalezo nemifanekiso engamanyala ethunyelwa ngefowuni. Wena ubunokuthini?” “Ucinga ukuba yimifanekiso enjani engafanelekanga?” “Kwezinye iindawo umthetho uthi abantwana abasasaza imifanekiso yabanye behamba ze baphula umthetho. Wena ucinga ukuba imbi kangakanani le nto?” “Yintoni enokubangela ukuthumelelana le miyalezo nale mifanekiso ibe kukuziphatha kakubi?” Yimamele kakuhle indlela aqiqa ngayo, uze umncede acinge ngento enokwenzeka emva kokuba ethumele le miyalezo.—Umgaqo weBhayibhile: Hebhere 5:14.

Cinga ngento enokwenzeka emva kokuba uthumele le miyalezo

Menzele imizekelo yoko kusenokwenzeka. Unokuthi kwintombi yakho: “Masithi intombazana inyazelwa ngumfana ukuba ‘imthumelele imiyalezo nemifanekiso engamanyala.’ Ifanele yenze ntoni? Ngaba ifanele iyithumele kuba nje ifuna ukugcina ubuhlobo? Ingavumi kodwa iqhubeke imncwasile? Yahlukane naye? Ixelele umntu omdala?” Yiqiqise intombi yakho yaye unokwenza okufanayo nakunyana wakho.—Umgaqo weBhayibhile: Galati 6:7.

Mncede abone indlela okungalunganga ngayo oku. Mbuze imibuzo enjengale: Ibaluleke kangakanani kuwe indlela owaziwa ngayo? Ufuna ukwaziwa njengomntu onjani? Ubunokuziva njani xa unokuhlaza omnye umntu ngokuthumela umfanekiso wakhe ongafanelekanga? Ubunokuziva njani xa umela into elungileyo? Nceda umntwana wakho abe “nesazela esilungileyo.”1 Petros 3:16.

Misela umzekelo. IBhayibhile ithi ubulumko obuvela kuThixo bunyulu yaye abunaluhanahaniso. (Yakobi 3:17) Ngaba indlela oziphethe ngayo ibonisa loo nto? Incwadi ethi CyberSafe ithi: “Nathi kufuneka simisele imizekelo emihle ngokungabukeli imifanekiso neeWebhsayithi ezingcolileyo okanye ezingekho mthethweni.”

^ isiqe. 5 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuthumelelana imiyalezo nemifanekiso yamanyala ngefowuni, yiya kwiWebhsayithi ethi jw.org/xh uze ufunde inqaku elithi “Ulutsha Luyabuza—Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokuthumelelana Imiyalezo Nemifanekiso Yamanyala Ngefowuni?”—Funda umxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE>ABAFIKISAYO.