Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uba “Netheko Rhoqo”?

Ngaba Uba “Netheko Rhoqo”?

“Yonke imihla yoxhwalekileyo mibi; kodwa onentliziyo echwayitileyo uba netheko rhoqo.”IMizekeliso 15:15.

ATHETHA ukuthini loo mazwi? Abhekisela kwizinto umntu azicingayo nendlela avakalelwa ngayo. Umntu ‘oxhwalekileyo’ uhlala ecinga ngezinto ezibuhlungu, nto leyo ebangela imihla yakhe ibe “mibi” okanye aphelelwe lithemba. Ngokwahlukileyo koko, lowo ‘unentliziyo echwayitileyo’ uzama ukuhlala ecinga ngezinto ezonwabisayo, aze abe “netheko rhoqo.”

Sonke sineengxaki ezisenza singonwabi. Sekunjalo, singakwazi ukwenza izinto ezinokusinceda sihlale sivuya naxa kunzima. Khawuve oko kuthethwa yiBhayibhile.

  • Musa ukuvumela amaxhala engomso akuthez’ amandla. UYesu Kristu wathi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”Mateyu 6:34.

  • Zama ukucinga ngezinto ezintle ezenzekileyo ebomini bakho. Xa ukhathazekile, zibhale phantsi ezo zinto uze ucamngce ngazo. Kwakhona, musa ukuzikhathaza ngeempazamo okanye izinto ezimbi ozenzileyo. Funda kuzo uze uqhubeke nobomi. Fana nomqhubi othi krwaqu nje kwisipili sangemva, kodwa angahlali esijongile. Khumbula ukuba uThixo ‘uxolela ngokukhulu.’Isaya 55:7.

  • Xa amaxhala ekongamela, thetha nomntu onokukunceda ube bhetele. “Amaxhala ayamtyhafisa umntu, ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.” (IMizekeliso 12:25, IBhayibhile YesiXhosa Ka-1996) Loo ‘mazwi enkuthazo’ anokuthethwa ngumntu wakowenu okanye umhlobo omthembileyo—umntu ongazukuhlekisa ngawe okanye akugxeke, kodwa ‘othanda ngamaxesha onke.’IMizekeliso 17:17.

Amazwi obulumko aseBhayibhileni aye anceda abantu abaninzi bafumana uvuyo ebomini nangamaxesha anzima. Nawe anokukunceda.