KwabaseRoma 2:1-29

  • Indlela uThixo awagweba ngayo amaYuda namaGrike (1-16)

    • Indlela esisebenza ngayo isazela (14, 15)

  • AmaYuda noMthetho (17-24)

  • Ukoluka entliziyweni (25-29)

2  Ngoko ukuba uyabagweba abanye, awunakuthetheleleka mntundini, nokuba ungubani na;+ kuba xa ugweba omnye umntu, uzibeka ityala, ekubeni nawe usenza ezi zinto azenzayo.+  Siyazi ukuba uThixo ubagweba ngokufanelekileyo abantu abenza izinto ezinjalo.  Ngaba ucinga ukuba xa ugweba abantu abenza ezi zinto, ube uzenza nawe, awuzukugwetywa nguThixo?  Okanye ngaba uyabudelela ububele,+ ukunyamezela+ nomonde+ wakhe ongaka, kuba ungazi ukuba ngobubele bakhe, uThixo uzama ukunceda wena uguquke?+  Kodwa ngenxa yokuba unenkani nentliziyo elukhuni, uya ubangela uThixo abe nomsindo. UThixo uza kuwubonakalisa umsindo wakhe ngemini agweba ngayo ngobulungisa.+  Yaye uza kubuyekeza ngamnye ngokwemisebenzi yakhe:+  uza kubanika ubomi obungenasiphelo nemizimba engaboliyo+ abo bazifunela uzuko nembeko ngokwenza umsebenzi olungileyo benyamezele;  kodwa kwabo balwayo nabangayithobeliyo inyaniso kodwa besenza izinto ezimbi, uza kubohlwaya enomsindo.+  Baza kufikelwa yintlungu nayinkxwaleko bonke abantu abenza izinto ezimbi, amaYuda kuqala namaGrike; 10  kodwa bonke abantu abenza izinto ezilungileyo baza kufumana uzuko, imbeko noxolo, amaYuda kuqala+ namaGrike.+ 11  Kuba uThixo akakhethi buso.+ 12  Ngoko bonke abantu abenza isono bengenawo umthetho,+ baza kutshabalala bengenawo umthetho; kodwa bonke abo benza isono bephantsi komthetho baza kugwetywa ngomthetho.+ 13  Kuba ayingobantu abawuvayo umthetho abaza kuba ngamalungisa phambi koThixo, kodwa ngabo bawuthobelayo.+ 14  Nangona abantu bezinye iintlanga bengayazi imithetho kaThixo,+ bayazenza izinto ezifunwa yiloo mithetho. Nangona bengayazi loo mithetho, kodwa yona isezintliziyweni zabo. 15  Bona babonisa ngezinto abazenzayo ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo. Nezazela zabo zibenza baqonde ukuba izinto abazenzayo zilungile okanye azilunganga. 16  Le nto iza kwenzeka ngemini uThixo agweba ngayo izinto zabantu ezifihlakeleyo+ esebenzisa uKristu Yesu. Ezi zinto ziyinxalenye yeendaba ezilungileyo endizishumayelayo. 17  Ukuba ubizwa ngokuba ungumYuda,+ uthembele emthethweni kwaye uyazidla kuba ungumntu kaThixo, 18  uyakwazi ukuthanda kwakhe yaye uyazamkela izinto ezibalulekileyo kuba ufundiswe ngoMthetho,+ 19  awuthandabuzi ukuba unceda iimfama yaye uyabakhanyisela abo basebumnyameni, 20  uyabalungisa abo bangayisebenzisiyo ingqondo, ufundisa abantwana, yaye uyazazi iimfundiso ezibalulekileyo nenyaniso eseMthethweni, 21  ngaba wena ufundisa omnye, uyazifundisa na?+ Wena ushumayela usithi “Uze ungebi,”+ uyeba na? 22  Wena uthi “Uze ungakrexezi,”+ uyakrexeza na? Wena uzenyanyayo izithixo, ngaba uyeba ezitempileni? 23  Wena uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa na uThixo ngokuwophula uMthetho? 24  Kuba “iintlanga zithetha kakubi ngegama* likaThixo ngenxa yenu,” kanye njengokuba kubhaliwe.+ 25  Ukoluka+ kukunceda kuphela xa uwuthobela umthetho;+ kodwa ukuba uyawaphula umthetho, uyafana nomntu ongolukanga. 26  Ngoko ukuba umntu ongolukanga+ uyazenza izinto ezilungileyo ezifunwa nguMthetho, uza kujongwa njengomntu owolukileyo, andithi?+ 27  Xa umntu ongolukanga ewuthobela uMthetho, uza kuba uyakugweba wena uwaphulayo nakuba unawo umthetho obhaliweyo yaye wolukile. 28  Kaloku umntu akabi ngumYuda ngaphandle,+ nolwaluko ayilolwangaphandle enyameni.+ 29  Kodwa uba ngumYuda ngaphakathi,+ yaye woluke entliziyweni+ ngomoya oyingcwele, kungekhona ngomthetho obhaliweyo.+ Loo mntu ufumana imbeko* kuThixo, hayi ebantwini.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “zinyelisa igama.”
Ngokoqobo, “udunyiswa.”