INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Ngubani UThixo?

IsiXhosa
Ngubani UThixo?
https://cms-imgp.jw-cdn.org/img/p/1001061100/univ/wpub/1001061100_univ_sqr_xl.jpg
nwt iphe. 6-7

UMBUZO 1

Ngubani UThixo?

“Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”

INdumiso 83:​18

“Yazini ukuba uYehova nguThixo. Nguye owasidalayo, yaye singabakhe.”

INdumiso 100:3

“NdinguYehova. Ligama lam elo; ubukhulu bam andibuniki namnye, nozuko lwam andiluniki imifanekiso eqingqiweyo.”

Isaya 42:8

“Wonke umntu othembela egameni likaYehova uza kusindiswa.”

Roma 10:​13

“Kakade ke indlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wakha zonke izinto nguThixo.”

Hebhere 3:4

“Khanijonge ezulwini nize nibone. Ngubani umdali wezi zinto? NguLowo ukhokela umkhosi weenkwenkwezi, owazi nkqu nenani lazo; uzibiza ngamagama xa zizonke. Ngenxa yobukhulu bamandla akhe, namandla akhe amangalisayo, zonke ziphelele.”

Isaya 40:​26