Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 6

Yathini IBhayibhile NgoMesiya?

ISIPROFETO

“Nawe, Bhetelehem Efrata, . . . kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli.”

Mika 5:2

SIYENZEKA

“Emva kokuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaYuda ngemihla kaKumkani uHerode, kwafika eYerusalem abavumisi ngeenkwenkwezi bevela eMpuma.”

Mateyu 2:1

ISIPROFETO

“Zahlulelana ngezambatho zam, zenza amaqashiso ngeempahla zam.”

INdumiso 22:​18

SIYENZEKA

“Emva kokuba ebethelele uYesu esibondeni, amajoni amane athatha izambatho zakhe zangaphezulu, abelana ngazo . . . Kodwa isambatho sangaphantsi sasingenamthungo, siphothiwe nje sonke ukusuka phezulu ukuya kutsho ezantsi. Ngoko athetha odwa esithi: ‘Masingasikrazuli, kodwa masenzeni amaqashiso sizokubona ukuba simele sibe sesikabani.’ ”

Yohane 19:​23, 24

ISIPROFETO

“Ugada onke amathambo alo; akukho nalinye elaphuliweyo.”

INdumiso 34:​20

SIYENZEKA

“Athi xa efika kuYesu, ambona ukuba wayesele efile, akabi sayophula eyakhe imilenze.”

Yohane 19:​33

ISIPROFETO

“Kodwa wahlatywa ngenxa yokungathobeli kwethu.”

Isaya 53:5

SIYENZEKA

“Elinye ijoni lamhlaba ngomkhonto ecaleni, ngoko nangoko kwaphuma igazi namanzi.”

Yohane 19:​34

ISIPROFETO

“Bandibhatala umvuzo wam, amaqhosha esilivere ayi-30.”

Zekariya 11:​12, 13

SIYENZEKA

“Ngoko omnye wabapostile abayi-12, lo ubizwa ngokuba nguYudas Skariyoti, waya kubabingeleli abaziintloko wathi: ‘Niza kundinika ntoni ukuba ndimnikela kuni?’ Bathi baza kumnika amaqhosha esilivere ayi-30.”

Mateyu 26:​14, 15; 27:5