A7-D

Izinto Ezenzekayo Xa UYesu Wayesemhlabeni—Umsebenzi Omninzi Owenziwa NguYesu EGalili (Inxalenye 2)

IXESHA

INDAWO

INTO EYENZEKAYO

MATEYU

MARKO

LUKA

YOHANE

31 okanye 32

Kummandla waseKapernahum

UYesu wenza imizekelo yoBukumkani

13:​1-​53

4:​1-​34

8:​4-​18

 

KuLwandle LwaseGalili

Uphelisa isaqhwithi esesikhepheni

8:​18, 23-​27

4:​35-​41

8:​22-​25

 

Kwingingqi yaseGadara

Uthumela iidemon kumhlambi weehagu

8:​28-​34

5:​1-​20

8:​26-​39

 

Mhlawumbi eKapernahum

Uphilisa umfazi owayenengxaki yokopha; uvusa intombi kaYayiro

9:​18-​26

5:​21-​43

8:​40-​56

 

EKapernahum (?)

Uphilisa abantu abangaboniyo nomntu ongakwaziyo ukuthetha

9:​27-​34

     

ENazarete

Uyachaswa kwakhona kwidolophu yakowabo

13:​54-​58

6:​1-5

   

EGalili

Uya okwesithathu eGalili; wandisa umsebenzi ngokuthuma abapostile

9:35–​11:1

6:​6-​13

9:​1-6

 

ETibheriyo

UHerode unqumla intloko kaYohane umBhaptizi; uHerode uyadideka ngenxa kaYesu

14:​1-​12

6:​14-​29

9:​7-9

 

32, ekusondeleni kwePasika (Yoh 6:4)

EKapernahum (?); kuMntla-Mpuma woLwandle LwaseGalili

Abapostile bavela kushumayela; uYesu wondla amadoda ayi-5 000

14:​13-​21

6:​30-​44

9:​10-​17

6:​1-​13

KuMntla-Mpuma woLwandle LwaseGalili; eGenesarete

Abantu bazama ukwenza uYesu ukumkani; uhamba elwandle; uphilisa abaninzi

14:​22-​36

6:​45-​56

 

6:​14-​21

EKapernahum

Uthi: “Ndim isonka sobomi”; abaninzi bayakhubeka baze bamshiye

     

6:​22-​71

32, emva kwePasika

Mhlawumbi eKapernahum

Uthetha ngezithethe zabantu

15:​1-​20

7:​1-​23

 

7:1

EFenike; eDekapoli

Uphilisa intombi yomfazi ongumSirofenike; wondla amadoda ayi-4 000

15:​21-​38

7:24–​8:9

   

EMagadan

Akenzi mmangaliso kodwa uthetha ngokaYona

15:39–​16:4

8:​10-​12