A7-H
Izinto Ezenzekayo Xa UYesu Wayesemhlabeni—UYesu Ugqibezela Umsebenzi Wakhe EYerusalem (Inxalenye 2)
|
IXESHA |
INDAWO |
INTO EYENZEKAYO |
MATEYU |
MARKO |
LUKA |
YOHANE |
|---|---|---|---|---|---|---|
|
Nisan 14 |
EYerusalem |
UYesu uchaza ukuba uYudas uza kumjikela, emva koko uyamgxotha |
||||
|
Uqalisa iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa (1Ko 11:23-25) |
||||||
|
Uchaza kwangaphambili ukuba uPetros uza kumphika, nokuba abapostile baza kubaleka |
||||||
|
Uthembisa umncedi; umzekelo womthi weediliya wokwenene; uyalela ukuba bathandane; uthandaza okokugqibela nabapostile |
||||||
|
EGetsemane |
Intlungu engathethekiyo emyezweni; ukujikelwa nokubanjwa kukaYesu |
|||||
|
EYerusalem |
Uncinwa nguAnas; ityala lakhe lichotshelwa nguKayafa, kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda; uPetros uyamphika |
|||||
|
UYudas owajikela uYesu uyazixhoma (IZe 1:18, 19) |
||||||
|
Usiwa kuPilato, asiwe kuHerode, aze abuyiselwe kuPilato |
||||||
|
UPilato ufuna ukumkhulula kodwa amaYuda afuna uBharabhas; ugwetyelwa ukufa kwisibonda sokungcungcutheka |
||||||
|
(malunga no-3:00 emva kwemini, ngoLwesihlanu) |
EGolgotha |
Ufela kwisibonda sokungcungcutheka |
||||
|
EYerusalem |
Umzimba wakhe uyothulwa esibondeni uze ungcwatywe |
|||||
|
Nisan 15 |
EYerusalem |
Ababingeleli nabaFarisi bayalela ukuba kubekwe oonogada engcwabeni baze balivale |
||||
|
Nisan 16 |
EYerusalem nakwiindawo ezikufutshane; e-Emawusi |
UYesu uyavuswa; ubonakala kubafundi bakhe kahlanu |
||||
|
Emva KoNisan 16 |
EYerusalem; eGalili |
Uphinda abonakale kubafundi bakhe (1Ko 15:5-7; IZe 1:3-8); uyabayalela; ubathuma ukuba bayokwenza abafundi |
||||
|
Iyyar 25 |
KwiNtaba YemiNquma, ngaseBhethani |
UYesu unyukela ezulwini, kwiintsuku eziyi-40 emva kokuvuswa kwakhe (IZe 1:9-12) |

