KwabaseRoma 3:1-31
3 Ubhetele ngantoni ke umYuda, okanye kumnceda ngantoni ukoluka?
2 Ngeendlela ezininzi. Okokuqala nje, ngamaYuda awaphathiswa umyalezo ongcwele osuka kuThixo.+
3 Kuthiweni ke ukuba amanye amaYuda awazange abe nalo ukholo? Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akasathembekanga?
4 Soze! Kodwa uThixo uhlala ethetha inyaniso,+ nokuba bonke abantu bangangamaxoki,+ njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Ukuze ungqinwe ulilungisa emazwini akho yaye uphumelele xa ugwetywa.”+
5 Xa sisenza izinto ezingalunganga abantu baye babone ukuba uThixo ulilungisa. Ngoko ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akenzi ngobulungisa xa esohlwaya? (Abanye abantu bacinga njalo.)
6 Ayinakwenzeka loo nto! Ukuba uThixo ebengenzi ngobulungisa, ebeza kuligweba njani ihlabathi?+
7 Kodwa ukuba inyaniso kaThixo izukiswa kakhulu ngenxa yokuxoka kwam, kutheni ke ndigwetywa njengomoni?
8 Kutheni singathi, “Masenze izinto ezimbi ukuze kuvele ezintle”? Abanye abantu badla ngokusityhola besithi sitsho. Abo bantu bafanele bagwetywe.+
9 Sithini ke? Ngaba sibhetele? Tu ke ngoku! Kaloku besithe amaYuda namaGrike onke alawulwa sisono;+
10 kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Akukho mntu ulilungisa, akukho nokuba abe mnye;+
11 akukho mntu ulumkileyo, akukho mntu okhangela uThixo.
12 Bonke abantu baphumile endleleni, akusekho yabo; akukho mntu unobubele, akukho nokuba abe mnye.”+
13 “Umqala wabo ulingcwaba elivulekileyo, baqhathe abantu ngemilomo yabo.”+ “Kukho ityhefu yamaphimpi emilebeni yabo.”+
14 “Emilonyeni yabo kuphuma izithuko namazwi ahlabayo.”+
15 “Bayakhawuleza ukuya kuchitha igazi.”+
16 “Apho bahamba khona bashiya umonakalo nosizi,
17 ibe abalufuni uxolo.”+
18 “Abamoyiki tu uThixo.”+
19 Siyazi ukuba zonke izinto ezibhalwe eMthethweni zibhalelwe abo baphantsi koMthetho, ukuze bonke bangabi nanto yakuzithethelela, lize lonke ihlabathi libe netyala kuThixo.+
20 Ngoko akukho mntu kunokuthiwa ulilungisa ngenxa yokuthobela umthetho,+ kuba umthetho usenza siqonde kakuhle ukuba singaboni.+
21 Kodwa ngoku sibonile ukuba abantu banokuba ngamalungisa kuThixo+ ngaphandle kokuthobela umthetho. Le nto yangqinwa nguMthetho nangabaProfeti.+
22 Bonke banokuba ngamalungisa xa benokholo kuYesu Kristu, kuba uThixo akakhethi buso.+
23 Kuba bonke bonile, ngoko abakwazi ukubonisa iimpawu ezintle zikaThixo,+
24 kodwa uThixo ubajonga njengamalungisa kuba uKristu Yesu eye wabahlawulela.+ Esi sisipho+ uThixo abaphe sona kuba enobubele.*+
25 UThixo wamenza wangumnikelo wokuhlawulela+ abantu abanokholo kwigazi likaYesu.+ Le nto yayiza kubonisa indlela alilungisa ngayo uThixo, kuba ngenxa yokunyamezela kwakhe wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo.
26 Le nto yayiza kuphinda ibonise ukuba ulilungisa+ nangoku, xa ebabiza ngokuba ngamalungisa abantu abakholwayo kuYesu.+
27 Ikhona ke into yokuqhayisa? Ayikho. Ngowuphi umthetho osenza singabi nayo? Ngaba ngokaMoses?+ Hayi, ngumthetho wokholo.
28 Kuba into esiyaziyo kukuba umntu ubizwa ngokuba lilungisa ngenxa yokholo, kungekhona ngenxa yokuthobela umthetho.+
29 Okanye ngaba uThixo ngowamaYuda kuphela?+ Akanguye noThixo wabantu beentlanga na?+ Ukwanguye noThixo wabantu beentlanga.+
30 Ekubeni uThixo emnye,+ uza kuthi abantu abolukileyo ngamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo, nabantu abangolukanga athi bangamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo.
31 Ngaba ke siyawuchitha umthetho kuba sinokholo? Tu kanti! Kunoko siyawuthobela.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga.”