KwabaseRoma 3:1-31

  • “UThixo uhlala ethetha inyaniso” (1-8)

  • AmaYuda namaGrike onke alawulwa sisono (9-20)

  • Ukuba ngamalungisa ngenxa yokholo (21-31)

    • Bonke abakwazi ukubonisa iimpawu ezintle zikaThixo (23)

3  Ubhetele ngantoni ke umYuda, okanye kumnceda ngantoni ukoluka?  Ngeendlela ezininzi. Okokuqala nje, ngamaYuda awaphathiswa umyalezo ongcwele osuka kuThixo.+  Kuthiweni ke ukuba amanye amaYuda awazange abe nalo ukholo? Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akasathembekanga?  Soze! Kodwa uThixo uhlala ethetha inyaniso,+ nokuba bonke abantu bangangamaxoki,+ njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Ukuze ungqinwe ulilungisa emazwini akho yaye uphumelele xa ugwetywa.”+  Xa sisenza izinto ezingalunganga abantu baye babone ukuba uThixo ulilungisa. Ngoko ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akenzi ngobulungisa xa esohlwaya? (Abanye abantu bacinga njalo.)  Ayinakwenzeka loo nto! Ukuba uThixo ebengenzi ngobulungisa, ebeza kuligweba njani ihlabathi?+  Kodwa ukuba inyaniso kaThixo izukiswa kakhulu ngenxa yokuxoka kwam, kutheni ke ndigwetywa njengomoni?  Kutheni singathi, “Masenze izinto ezimbi ukuze kuvele ezintle”? Abanye abantu badla ngokusityhola besithi sitsho. Abo bantu bafanele bagwetywe.+  Sithini ke? Ngaba sibhetele? Tu ke ngoku! Kaloku besithe amaYuda namaGrike onke alawulwa sisono;+ 10  kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Akukho mntu ulilungisa, akukho nokuba abe mnye;+ 11  akukho mntu ulumkileyo, akukho mntu okhangela uThixo. 12  Bonke abantu baphumile endleleni, akusekho yabo; akukho mntu unobubele, akukho nokuba abe mnye.”+ 13  “Umqala wabo ulingcwaba elivulekileyo, baqhathe abantu ngemilomo yabo.”+ “Kukho ityhefu yamaphimpi emilebeni yabo.”+ 14  “Emilonyeni yabo kuphuma izithuko namazwi ahlabayo.”+ 15  “Bayakhawuleza ukuya kuchitha igazi.”+ 16  “Apho bahamba khona bashiya umonakalo nosizi, 17  ibe abalufuni uxolo.”+ 18  “Abamoyiki tu uThixo.”+ 19  Siyazi ukuba zonke izinto ezibhalwe eMthethweni zibhalelwe abo baphantsi koMthetho, ukuze bonke bangabi nanto yakuzithethelela, lize lonke ihlabathi libe netyala kuThixo.+ 20  Ngoko akukho mntu kunokuthiwa ulilungisa ngenxa yokuthobela umthetho,+ kuba umthetho usenza siqonde kakuhle ukuba singaboni.+ 21  Kodwa ngoku sibonile ukuba abantu banokuba ngamalungisa kuThixo+ ngaphandle kokuthobela umthetho. Le nto yangqinwa nguMthetho nangabaProfeti.+ 22  Bonke banokuba ngamalungisa xa benokholo kuYesu Kristu, kuba uThixo akakhethi buso.+ 23  Kuba bonke bonile, ngoko abakwazi ukubonisa iimpawu ezintle zikaThixo,+ 24  kodwa uThixo ubajonga njengamalungisa kuba uKristu Yesu eye wabahlawulela.+ Esi sisipho+ uThixo abaphe sona kuba enobubele.*+ 25  UThixo wamenza wangumnikelo wokuhlawulela+ abantu abanokholo kwigazi likaYesu.+ Le nto yayiza kubonisa indlela alilungisa ngayo uThixo, kuba ngenxa yokunyamezela kwakhe wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo. 26  Le nto yayiza kuphinda ibonise ukuba ulilungisa+ nangoku, xa ebabiza ngokuba ngamalungisa abantu abakholwayo kuYesu.+ 27  Ikhona ke into yokuqhayisa? Ayikho. Ngowuphi umthetho osenza singabi nayo? Ngaba ngokaMoses?+ Hayi, ngumthetho wokholo. 28  Kuba into esiyaziyo kukuba umntu ubizwa ngokuba lilungisa ngenxa yokholo, kungekhona ngenxa yokuthobela umthetho.+ 29  Okanye ngaba uThixo ngowamaYuda kuphela?+ Akanguye noThixo wabantu beentlanga na?+ Ukwanguye noThixo wabantu beentlanga.+ 30  Ekubeni uThixo emnye,+ uza kuthi abantu abolukileyo ngamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo, nabantu abangolukanga athi bangamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo. 31  Ngaba ke siyawuchitha umthetho kuba sinokholo? Tu kanti! Kunoko siyawuthobela.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga.”