IiNdumiso 3:1-8
Ingoma emnandi kaDavide xa wayebaleka unyana wakhe uAbhisalom.+
3 Yhini Yehova, kutheni le nto ndineentshaba ezingaka?+
Kutheni bebaninzi kangaka abalwa nam?+
2 Baninzi abathi ngam:
“UThixo akazukumsindisa.”+ (Selah)*
3 Kodwa wena Yehova ulikhaka elindikhusela macala onke,+Uzuko lwam,+ naLowo uphakamisa intloko yam.+
4 Ndiza kukhalela kuYehova,Ibe uza kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.+ (Selah)
5 Ndiza kungqengqa, ndilale;Ndize ndivuke ndisakhuselekile,Kuba uYehova uqhubeka endixhasa.+
6 Andiwoyiki amashumi amawaka abantuAbathontelana macala onke besilwa nam.+
7 Phakama, yhini Yehova! Ndisindise+ Thixo wam!
Kuba uza kuzibetha emhlathini zonke iintshaba zam;Uza kuwaphula amazinyo abenzi-bubi.+
8 NguYehova osindisayo.+
Intsikelelo yakho ikubantu bakho. (Selah)
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.