IiNdumiso 3:1-8

  • Ukuthembela kuThixo nakuba kukho iingozi

    • ‘Kutheni ndineentshaba ezingaka?’ (1)

    • “NguYehova osindisayo” (8)

Ingoma emnandi kaDavide xa wayebaleka unyana wakhe uAbhisalom.+ 3  Yhini Yehova, kutheni le nto ndineentshaba ezingaka?+ Kutheni bebaninzi kangaka abalwa nam?+   Baninzi abathi ngam: “UThixo akazukumsindisa.”+ (Selah)*   Kodwa wena Yehova ulikhaka elindikhusela macala onke,+Uzuko lwam,+ naLowo uphakamisa intloko yam.+   Ndiza kukhalela kuYehova,Ibe uza kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.+ (Selah)   Ndiza kungqengqa, ndilale;Ndize ndivuke ndisakhuselekile,Kuba uYehova uqhubeka endixhasa.+   Andiwoyiki amashumi amawaka abantuAbathontelana macala onke besilwa nam.+   Phakama, yhini Yehova! Ndisindise+ Thixo wam! Kuba uza kuzibetha emhlathini zonke iintshaba zam;Uza kuwaphula amazinyo abenzi-bubi.+   NguYehova osindisayo.+ Intsikelelo yakho ikubantu bakho. (Selah)

Umbhalo osemazantsi

Funda Ingcaciso Yamagama.