Genesis 9:1-29

  • Imiyalelo eya kubo bonke abantu (1-7)

    • Umthetho ngegazi (4-6)

  • Isivumelwano somnyama (8-17)

  • Kuprofetwa ngenzala kaNowa (18-29)

9  UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe waza wathi kubo: “Qhamani, nande niwugcwalise umhlaba.+  Ziza kunoyika yaye ziza kuqhubeka zinkwantya ngenxa yenu zonke izidalwa eziphilayo zomhlaba, zonke izidalwa ezibhabha emazulwini, zonke izinto ezihamba emhlabeni, nazo zonke iintlanzi zolwandle. Ngoku ziza kulawulwa nini.+  Zonke izilwanyana ezihambayo ziza kuba kukutya kwenu.+ Zonke ndizinika nina, njengokuba ndaninika imifuno eluhlaza.+  Yinyama enobomi bayo* kuphela, oko kukuthi igazi layo,+ eningamele niyitye.+  Ngapha koko ndiza kuniphendulisa ngegazi lobomi benu.* Zonke izidalwa eziphilayo ndiza kuziphendulisa. Wonke umntu ophilayo ndiza kumphendulisa ngobomi bomntakwabo.+  Nabani na obulala omnye umntu, naye uza kubulawa,+ kuba umntu wenziwa ngomfanekiso kaThixo.+  Nina ke, qhamani nande nibe baninzi kakhulu emhlabeni, niphindaphindeke.”+  Emva koko uThixo wathi kuNowa nakoonyana bakhe ababekunye naye:  “Ndenza isivumelwano kunye nani+ nenzala yenu eza kulandela, 10  nazo zonke izidalwa eziphilayo* ezikunye nani, iintaka, izilwanyana, zonke izidalwa eziphilayo zomhlaba ezikunye nani, bonke abo baphume emkhombeni, zonke nje izidalwa zomhlaba eziphilayo.+ 11  Ndenza esi sivumelwano nani: Soze ziphinde zitshatyalaliswe ngezikhukula zonke izidalwa eziphilayo, ibe soze izikhukula ziphinde zonakalise umhlaba.”+ 12  UThixo waphinda wathi: “Nantsi into ebonisa isivumelwano endisenza nani nazo zonke izidalwa eziphilayo* ezikunye nani, eza kusebenza kuzo zonke izizukulwana ezizayo. 13  Ndibeka umnyama wam emafini, yaye uza kuba luphawu lwesivumelwano esiphakathi kwam nomhlaba. 14  Nanini na xa ndisizisa amafu phezu komhlaba, ngokuqinisekileyo umnyama uza kuvela emafini. 15  Ngokuqinisekileyo ndiza kusikhumbula isivumelwano sam endasenza nani nalo lonke uhlobo lwesidalwa esiphilayo;* yaye soze aphinde amanzi abe zizikhukula ezitshabalalisa izidalwa eziphilayo.+ 16  Xa kuvela umnyama emafini, ngokuqinisekileyo ndiza kuwubona ndize ndisikhumbule isivumelwano sikanaphakade esiphakathi kukaThixo nazo zonke iintlobo zezidalwa eziphilayo* zasemhlabeni.” 17  UThixo waphinda wathi kuNowa: “Nalo ke uphawu lwesivumelwano endisenza nani nazo zonke izidalwa eziphilayo emhlabeni.”+ 18  Oonyana bakaNowa abaphuma emkhombeni yayinguShem, uHam noYafete.+ Ethubeni uHam wazala uKanan.+ 19  Aba bathathu babengoonyana bakaNowa, yaye bonke abantu basemhlabeni baphuma kubo baza basasazeka.+ 20  UNowa waqalisa ukulima, watyala intsimi yeediliya. 21  Emva kokuba esele iwayini, wanxila waza wahamba ze ententeni yakhe. 22  UHam, utata kaKanan, wabubona ubuze bukatata wakhe waza waxelela abantakwabo bobabini ngaphandle. 23  Ngoko uShem noYafete bathatha isambatho, basibeka emagxeni abo baza bangena ngomva. Babogquma ubuze bukatata wabo, ngoxa bebujongise ecaleni ubuso babo, ibe abazange babubone ubuze bukatata wabo. 24  Uthe akuvuka uNowa ekunxilisweni yiwayini, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe ongoyena mncinci, 25  waza wathi: “Makaqalekiswe uKanan.+ Makabe lelona khoboka liphantsi kubantakwabo.”+ 26  Waphinda wathi: “Makadunyiswe uYehova, uThixo kaShem,UKanan abe likhoboka lakhe.+ 27  UThixo makamnike indawo enkulu uYafete, Ibe makahlale ezintenteni zikaShem.UKanan makabe likhoboka nakuye.” 28  UNowa waqhubeka ephila iminyaka eyi-350 emva koMkhukula.+ 29  Ngoko uNowa wafa eneminyaka eyi-950.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “enomphefumlo wayo.”
Okanye “ngegazi lemiphefumlo yenu.”
Okanye “imiphefumlo.”
Okanye “yonke imiphefumlo ephilayo.”
Okanye “wonke umphefumlo ophilayo wayo yonke inyama.”
Okanye “wonke umphefumlo ophilayo wayo yonke inyama.”