Genesis 16:1-16
-
UHagare noIshmayeli (1-16)
16 USarayi umfazi ka-Abram, wayengamzalelanga bantwana,+ kodwa wayenesicakakazi esingumYiputa, uHagare.+
2 Ngoko uSarayi wathi kuAbram: “Ndiyakucela! UYehova undivalile ukuba ndingabi nabantwana. Ndicela wabelane ngesondo nesicakakazi sam. Mhlawumbi ndingaba nabantwana ngaso.”+ Ngoko uAbram wammamela uSarayi.
3 Emva kokuba uAbram ehleli kwilizwe lakwaKanan iminyaka elishumi, umfazi wakhe uSarayi wathatha uHagare isicakakazi sakhe esingumYiputa, wasinika indoda yakhe ukuba sibe ngumfazi wayo.
4 UAbram wabelana ngesondo noHagare, waza wakhulelwa. Uthe akuqonda ukuba ukhulelwe, wamdelela uSarayi.
5 Ngenxa yale nto uSarayi wathi kuAbram: “Nguwe obangele le ntlungu ndiyivayo. Ndim owazisa isicakakazi sam ezandleni zakho,* kodwa ngoku xa sifumanisa ukuba sikhulelwe, siyandidelela. Kwanga uYehova angagweba phakathi kwam nawe.”
6 UAbram wathi kuSarayi: “Jonga kaloku! Isicakakazi sakho siphethwe nguwe. Yenza kuso loo nto uyibona ilungile.” Ngoko uSarayi wamphatha kakubi uHagare kangangokuba wabaleka wemka.
7 Ethubeni ingelosi kaYehova yamfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, umthombo osendleleni eya eShure.+
8 Yathi: “Hagare sicakakazi sikaSarayi, uvela phi usiya phi?” Yena wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endisisicakakazi sayo.”
9 Ingelosi kaYehova yathi kuye: “Buyela kwakuye ke uze uzithobe.”
10 Ingelosi kaYehova yaphinda yathi kuye: “Ndiza kuyandisa kakhulu inzala* yakho, ibe ninzi kude kube nzima nokuyibala.”+
11 Ingelosi kaYehova yaqhubeka yathi: “Ngoku ukhulelwe, ibe uza kuba nonyana. Uze umthiye igama elinguIshmayeli,* kuba uYehova uyivile intlungu yakho.
12 Uza kuba yindoda efana nedonki yasendle.* Uza kulwa nabo bonke abantu, nabo balwe naye, ibe uza kuhlala emelene nabo bonke abantakwabo.”*
13 Emva koko wabiza egameni likaYehova, owayethetha naye, esithi: “UnguThixo obonayo,”+ kuba wathi: “Ngaba ngenene ndibone lowo undibonayo apha?”
14 Yiloo nto elo qula lathiywa ngokuba yiBhere-lahayi-royi.* (Liphakathi kweKadeshe neBheredi.)
15 UHagare wamzalela unyana uAbram, waza wathi nguIshmayeli igama lonyana wakhe awamfumana ngoHagare.+
16 UAbram wayeneminyaka eyi-86 xa uHagare wamzalela uIshmayeli.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “esifubeni sakho.”
^ Ngokoqobo, “imbewu.”
^ Othetha ukuthi “UThixo Uyeva.”
^ Abanye bacinga ukuba kuthethwa ngezebra. Kusenokuba kuthethwa ngophawu lwakhe lokuba ngumntu othanda ukuzilawula.
^ Okanye kusenokwenzeka, “uza kuhlala esilwa nabo bonke abantakwabo.”
^ Ethetha ukuthi “Iqula Lalowo Undibonayo.”