Genesis 16:1-16

  • UHagare noIshmayeli (1-16)

16  USarayi umfazi ka-Abram, wayengamzalelanga bantwana,+ kodwa wayenesicakakazi esingumYiputa, uHagare.+  Ngoko uSarayi wathi kuAbram: “Ndiyakucela! UYehova undivalile ukuba ndingabi nabantwana. Ndicela wabelane ngesondo nesicakakazi sam. Mhlawumbi ndingaba nabantwana ngaso.”+ Ngoko uAbram wammamela uSarayi.  Emva kokuba uAbram ehleli kwilizwe lakwaKanan iminyaka elishumi, umfazi wakhe uSarayi wathatha uHagare isicakakazi sakhe esingumYiputa, wasinika indoda yakhe ukuba sibe ngumfazi wayo.  UAbram wabelana ngesondo noHagare, waza wakhulelwa. Uthe akuqonda ukuba ukhulelwe, wamdelela uSarayi.  Ngenxa yale nto uSarayi wathi kuAbram: “Nguwe obangele le ntlungu ndiyivayo. Ndim owazisa isicakakazi sam ezandleni zakho,* kodwa ngoku xa sifumanisa ukuba sikhulelwe, siyandidelela. Kwanga uYehova angagweba phakathi kwam nawe.”  UAbram wathi kuSarayi: “Jonga kaloku! Isicakakazi sakho siphethwe nguwe. Yenza kuso loo nto uyibona ilungile.” Ngoko uSarayi wamphatha kakubi uHagare kangangokuba wabaleka wemka.  Ethubeni ingelosi kaYehova yamfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, umthombo osendleleni eya eShure.+  Yathi: “Hagare sicakakazi sikaSarayi, uvela phi usiya phi?” Yena wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endisisicakakazi sayo.”  Ingelosi kaYehova yathi kuye: “Buyela kwakuye ke uze uzithobe.” 10  Ingelosi kaYehova yaphinda yathi kuye: “Ndiza kuyandisa kakhulu inzala* yakho, ibe ninzi kude kube nzima nokuyibala.”+ 11  Ingelosi kaYehova yaqhubeka yathi: “Ngoku ukhulelwe, ibe uza kuba nonyana. Uze umthiye igama elinguIshmayeli,* kuba uYehova uyivile intlungu yakho. 12  Uza kuba yindoda efana nedonki yasendle.* Uza kulwa nabo bonke abantu, nabo balwe naye, ibe uza kuhlala emelene nabo bonke abantakwabo.”* 13  Emva koko wabiza egameni likaYehova, owayethetha naye, esithi: “UnguThixo obonayo,”+ kuba wathi: “Ngaba ngenene ndibone lowo undibonayo apha?” 14  Yiloo nto elo qula lathiywa ngokuba yiBhere-lahayi-royi.* (Liphakathi kweKadeshe neBheredi.) 15  UHagare wamzalela unyana uAbram, waza wathi nguIshmayeli igama lonyana wakhe awamfumana ngoHagare.+ 16  UAbram wayeneminyaka eyi-86 xa uHagare wamzalela uIshmayeli.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “esifubeni sakho.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Othetha ukuthi “UThixo Uyeva.”
Abanye bacinga ukuba kuthethwa ngezebra. Kusenokuba kuthethwa ngophawu lwakhe lokuba ngumntu othanda ukuzilawula.
Okanye kusenokwenzeka, “uza kuhlala esilwa nabo bonke abantakwabo.”
Ethetha ukuthi “Iqula Lalowo Undibonayo.”