Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokwenza Njani Xa Ndihlutshwa Ngumntu Kwi-intanethi?

Ndinokwenza Njani Xa Ndihlutshwa Ngumntu Kwi-intanethi?

 Oko umele ukwazi

I-intanethi yenza kube lula ukuhlupha abantu. Incwadi iCyberSafe ithi, “i-intanethi yenza nabantwana abamamelayo babaphathe kakubi abanye ngenxa yokuba bengabonani.”

Abanye abantu basenokuhlutshwa lula kunabanye. Aba ngabantu abathuleyo, ababonakala bohlukile kwabanye nabangazithembanga.

Zibuhlungu izinto ezinokubangelwa kukuhlutshwa kwi-intanethi. Ingakwenza uzive ulilolo, ikubangele ube nestres, nabanye basenokufuna ukuzibulala ngenxa yoko.

 Izinto onokuzenza

Qala uzibuze, ‘Ngaba ndiyahlutshwa nyhani? Ngamanye amaxesha abantu bathetha izinto ezisikhathazayo bengaqondanga. Xa isenzeka loo nto, singathobela icebiso lobulumko eliseBhayibhileni:

“Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.”​—INtshumayeli 7:9.

Kwelinye icala xa umntu ehlupha, ehlaza okanye egrogrisa omnye umntu kwi-intanethi, uyamntlonta.

Ukuba uyahlutshwa kwi-intanethi, khumbula oku: Indlela ophendula ngayo ingenza imeko ibe ngcono okanye ibe mbi kakhulu. Zama la macebiso alandelayo.

Sukumhoya lo mntu ukuhluphayo. IBhayibhile ithi: “Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi, nomntu oqondayo unomoya opholileyo.”​—IMizekeliso 17:27.

Isizathu sokuba eli cebiso linceda: Kwincwadi yakhe ethi, Cyberbullying and Cyberthreats uNancy Willard uthi: “Eyona nto bayifunayo abantu abahlupha abanye kukuba lo mntu bamhluphayo acaphuke. Xa lo mntu uhlutshwayo ecaphuka uyazivumela alawulwe ngulo mntu umhluphayo.”

Inyaniso yile: Ngamanye amaxesha eyona nto unokuyenza kukungamphenduli lo mntu.

Sukufuna ukuziphindezela. IBhayibhile ithi: “Ningabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa.”​—1 Petros 3:9.

Isizathu sokuba eli cebiso linceda: Incwadi ethi, Cyber-Safe Kids, Cyber-Savvy Teens, ithi: “Ukuba nomsindo yingxaki kuba kuza kubangela ukuba uhlutshwe kakhulu kunakuqala.” Ukuziphindezela kubonisa ukuba nawe ubangela ingxaki njengalo mntu ukuhluphayo.

Inyaniso yile: Sukugalela iparafini emlilweni.

Khangela into onokuyenza. IBhayibhile ithi: “Musa ukuzivumela woyiswe bububi.” (Roma 12:21) Zikhona izinto onokuzenza ngaphandle kokuyenza ibe mbi kakhulu imeko.

Ngokomzekelo:

  •   Qiniseka ukuba imiyalezo yalo mntu ayingeni. Incwadi ethi, Mean Behind the Screen ithi: “Into ongayifundanga ayinakukukhathaza.”

  • Zigcine zonke izinto akuthumelela zona, nokuba awuzifundanga. Ezi zinto yimiyalezo ekoyikisayo, iie-mail, imiyalezo ekwi-intanethi, imiyalezo erekhodiweyo okanye ethunyelwe ngenye indlela.

  • Mxelele lo mntu ukuhluphayo ukuba ayeke. Thumelela umntu okuhluphayo umyalezo ongacengiyo nongazi kunenza nixabane, onjengalo:

    • “Yeka ukundithumelela imiyalezo.”

    • “Zisuse izinto ozifake kwi-intanethi.”

    • “Ukuba awuyeki, ndiza kukuxela.”

  • Funda ukuzithemba. Jonga ezona zinto ukwaziyo ukuzenza kakuhle kunezinto ongakwaziyo ukuzenza kakuhle. (2 Korinte 11:6) Abantu abahlupha kwi-intanethi bathanda ukuhlupha abantu ababonakala bengazithembanga, njengomntu okuntlontayo.

  • Xelela umntu omdala. Qala ngokuxelela abazali bakho. Unokuxelela newebhsayithi ayisebenzisayo lo mntu ukuhluphayo. Xa imbi nyhani imeko, hamba nabazali bakho nixelele utitshala okanye unontlalontle esikolweni, amapolisa okanye amagqwetha.

Inyaniso yile: Zikhona izinto onokuzenza ukuze lo mntu ukuhluphayo ayeke okanye kungakukhathazi kakhulu ukuhlutshwa.