Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe?​—Inxalenye 1: Oko Kuthethwa Kukubhaptizwa

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe?​—Inxalenye 1: Oko Kuthethwa Kukubhaptizwa

 Qho ngonyaka, ulutsha olukhuliswa ngamaNgqina KaYehova luyabhaptizwa. Ngaba nawe ukhe wacinga ngokubhaptizwa? Ukuba kunjalo kuza kufuneka uyazi ukuba kuthetha ntoni ukuzinikela nokubhaptizwa.

 Kuthetha ukuthini ukubhaptizwa?

 Xa kuthethwa ngokubhaptizwa eBhayibhileni akuthethwa ngokutshizwa nje ngamanzi, kodwa kuthethwa ngokutshoniswa wonke emanzini ibe eso sisenzo esibaluleke kakhulu.

  •   Ukutshoniswa emanzini xa ubhaptizwa kubonisa wonke umntu ukuba awusaphileli ukwenza ukuthanda kwakho.

  •   Ukukhutshwa emanzini kubonisa ukuba uqalisa ubomi obutsha yaye uzimisele ukwenza oko kufunwa nguThixo.

 Xa ubhaptizwa ubonisa wonke umntu ukuba nguYehova onelungelo lokukuxelela into elungileyo nengalunganga ibe uthembisa ukuba uza kusoloko ukhetha ukwenza into ayifunayo.

 Khawucinge ngoku: Kutheni umele utsho phambi komntu wonke ukuba uzimisele ukuthobela uYehova? Funda eyoku-1 Yohane 4:19 neSityhilelo 4:11.

 Kuthetha ntoni ukuzinikela?

 Ngaphambi kokuba ubhaptizwe ufanele uzinikele kuYehova. Uyenza njani loo nto?

 Uthandaza wedwa uthembisa uYehova ukuba uza kumkhonza ngonaphakade, ukwathembisa nokuba uza kumkhonza enoba kuvela eyiphi ingxaki ibe abanye bakhetha ukwenza ntoni.

 Ukubhaptizwa kubonisa wonke umntu ukuba uye wazinikela. Kubonisa abanye ukuba awusaphileli ukwenza izinto ozifunayo kodwa wenza izinto ezifunwa nguYehova.—Mateyu 16:24.

 Khawucinge ngoku: Kutheni ubomi bakho buza kuba bhetele xa uzinikele kuYehova? Funda uIsaya 48:17, 18 namaHebhere 11:6.

 Kutheni Kubalulekile Ukubhaptizwa?

 UYesu wathi kufuneka babhaptizwe abafundi bakhe. (Mateyu 28:19,20) Ngoko amaKristu kusafuneka abhaptizwe. IBhayibhile ide ithi kufuneka umntu abhaptizwe ukuze asindiswe.—1 Petros 3:21.

 Sekunjalo ufanele ubhaptizwe kuba umthanda uYehova ibe unombulelo ngokuba ngumhlobo wakhe. Ufanele uzive njengoMdumisi owabhala wathi: “Ndiza kumbuyekeza ngantoni uYehova ngazo zonke izinto ezintle andenzele zona?. . . Ndibize egameni likaYehova. Ndiza kuzenza izinto endizifunge kuYehova.”—INdumiso 116: 12-14.

 Khawucinge ngoku: Zeziphi izinto ezintle ozenzelwe nguYehova? Ungawubonisa njani umbulelo kuye? Funda iDuteronomi 10:12, 13 namaRoma 12:1.