Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokufaka Iifoto Kwi-intanethi?

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokufaka Iifoto Kwi-intanethi?

Masithi ukwiholide ibe ufuna ukuxelela abahlobo bakho indlela ekumnandi ngayo! Kodwa uzakuyenza njani loo nto? Ngaba uza

  1. kubhalela ngamnye ileta?

  2. kubabhalela ie-mail?

  3. kufaka iifoto kwi-intanethi?

Xa umakhulu notatomkhulu wakho babengangawe, mhlawumbi ukhetho “A” yayikukuphela kwento ababenokuyenza.

Xa abazali bakho babengangawe, mhlawumbi babenokukhetha u“B”.

Namhlanje, ulutsha oluninzi oluvumelekileyo ukuba lufake iifoto zalo kwi-intanethi luthanda ukhetho “C.” Ngaba nawe unjalo? Ukuba unjalo, eli nqaku liza kukunceda uphephe iingozi ezimbalwa ezisenokubakho.

 Kunceda ngantoni ukufaka iifoto kwi-intanethi?

Kuyakhawuleza. “Xa sizikhuphile, sonwabile nabahlobo bam ndiyakwazi ukufaka iifoto kwi-intanethi ngalo mzumzu ndonwabe ngawo.”​—UMelanie.

Kubenza lula ubomi. “Kulula ukwazi ukuba kwenzeka ntoni kubahlobo bam ngokujonga nje iifoto zabo kunokujonga iie-mail zabo.”​—UJordan.

Kukunceda wazi ukuba kwenzeka ntoni kubahlobo bakho. “Abanye abantu basekhaya nabahlobo bam bahlala kude. Xa befaka iifoto qho ndize nam ndizibuke iba ngathi ndibabona yonke imihla!”​—UKaren.

 Ziziphi iingozi zokufaka iifoto kwi-intanethi?

Usenokuba sengozini. Ukuba ikhamera yakho iyakwazi ukubonisa abantu ukuba uphi, iifoto ozifaka kwi-intanethi zinokubabonisa nezinto obungafuni zaziwe. Iwebhsaythi ekuthiwa yiDigital Trends ithi: “Xa umntu efaka iifoto nezinye izinto kwi-intanethi enesixhobo esikwaziyo ukuchaza indawo akuyo, loo nto ivulela ithuba abantu angabaziyo abanezixhobo zokwazi indawo akuyo nabafuna ukumenzakalisa ukuba bazi apho akhoyo.

Ewe kona, eyona nto bafuna ukuyazi abanye ootsotsi yindawo ekungekho mntu kuyo. Kwelinye ityala elavela kwiDigital Trends, ootsotsi abathathu baqhekeza kumakhaya ayi-18 ekwakungekho bantu kuwo. Bayazi njani ukuba kwakungazi kubakho bantu? Bangena kwi-intanethi baza bajonga kwanto eyayisenziwa ngabantu ababehlala apho, besebenzisa iapp echazayo xa kungekho mntu endlini, bathatha izinto ezixabisa ngaphezu kweedola eziyi-100 000.

Usenokubona izinto ezikhubekisayo. Abanye abantu abanazintloni zokufaka nantoni na kwi-intanethi. Omnye umntu osemtsha, uSarah uthi: “Ingxaki ibakhona xa ujonga izinto ezifakwa ngabantu ongabaziyo kwi-intanethi. Iba ngathi uhamba kwisixeko ongasaziyo ungenamaphu. Isenokwenzeka into yokuba uphelele kwindawo obungafuni ukuya kuyo.”

Kutya ixesha. UYolanda osemtsha uthi: “Kulula ukuzibhaqa sele ubuka iifoto ezifakwe ngabantu kwi-intanethi nokufunda yonke into ethethwayo ngabanye. Usenokuzibona sele uthatha ifowuni yakho nanini na kungekho nto uyenzayo ukuze ubone ukuba yintoni entsha.”

Umele ube ngumntu okwaziyo ukuzibamba xa uza kuba neakhawunti yokufaka iifoto kwi-intanethi

USamantha osemtsha naye uthetha into efanayo, uthi: “Kufuneka ndilisebenzise kakuhle ixesha endilichitha kwi-intanethi. Umele ube ngumntu okwaziyo ukuzibamba xa uza kuba neakhawunti yokufaka iifoto kwi-intanethi.”

 Oko unokukwenza

  • Zimisele ukungazijongi izinto ezingafanelekanga.IBhayibhile ithi: “Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.”​—INdumiso 101:3.

    “Ndizijonga qho izinto ezifakwa ngabahlobo bam kwi-intanethi, ukuba bakafa izinto ezingafanelekanga ndiyabasusa kubahlobo endinabo.”​—USteven .

  • Kuphephe ukuba nabahlobo abangaphili ngendlela efana neyakho, kuba bangayijongela phantsi indlela ophila ngayo. IBhayibhile ithi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”​—1 Korinte 15:33.

    “Sukusoloko ujonga iifoto ezifakwa kwi-intanethi kuba nje zidumile. Amaxesha amaninzi, ziba nabantu abathukayo, abanganxibanga nabenza ezinye izinto ezingafanelekanga.”​—UJessica.

  • Zibekele ixesha oza kulichitha ubuka iifoto namaxesha oza kuzifaka ngazo wena. IBhayibhile ithi: “Ngoko hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha.”​—Efese 5:​15, 16.

    “Ndiyekile ukubuka iifoto zabantu abafaka iifoto ezininzi. Ngokomzekelo, umntu uya elwandle aze afake iifoto eziyi-20 zengceba zikanokrwece omnye. Uyayibaxa noko. Kuthatha ixesha elininzi kakhulu ukubuka zonke ezo foto!”​—URebekah.

  • Qiniseka ukuba iifoto ozifakayo azenzi abantu bacinge ukuba yonke into ingawe. Umbhali weBhayibhile uPawulos uthi: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako.” (Roma 12:3) Sukucinga ukuba abahlobo bakho baza kuthatheka ziifoto zakho nezinto ozenzayo.

    “Abanye abantu basoloko befaka iifoto zabo. Ukuba singabahlobo ndiyakwazi ukuba unjani,akukho sizathu sokuba usoloko undikhumbuza!”​—UAllison.