Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 1: Kutheni Ukholelwa KuThixo?

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 1: Kutheni Ukholelwa KuThixo?

 Ngaba izinto zadalwa okanye zazivelela?

Ngaba uyakholelwa ukuba uThixo wadala zonke izinto? Ukuba kunjalo, akuwedwa; luninzi ulutsha (kunye nabantu abadala) olunaloo nkolelo. Kodwa abanye abantu bathi ubomi kunye nendalo yonke yasuka yazivelela ngaphandle koncedo “loMongami.”

Ngaba ubusazi? Abantu abakuwo omabini amacala ale ngxoxo-mpikiswano bakhawuleza bachaze oko bakukholelwayo, babe bengasazi kakuhle isizathu sokuba bekukholelwa.

  • Abanye abantu bakholelwa ukuba izinto zadalwa kuba nje befundiswe oko ecaweni.

  • Abantu abaninzi bakholelwa ukuba izinto zazivelela kuba nje befundiswe oko esikolweni.

Olu ngcelele luza kukunceda uqiniseke ngakumbi ngenkolelo onayo yokuba izinto zadalwa uze ukwazi ukuyichaza. Okokuqala, kufuneka uzibuze lo mbuzo:

 Kutheni ndikholelwa kuThixo?

Kutheni lo mbuzo ubalulekile? Ngenxa yokuba iBhayibhile ikubongoza ukuba usebenzise ‘amandla akho engqiqo.’ (Roma 12:1) Loo nto ithetha ukuba ukukholelwa kwakho kuThixo akumele kusekelwe

  • kwiimvakalelo (Ndivakalelwa kukuba amele abekho amandla angaphaya kwaqhelekileyo)

  • koko kuthethwa ngabanye (Kwindawo endihlala kuyo, abantu abaninzi bahamba icawa)

  • kwingcinezelo (Abazali bam bandifundise ukuba ndikholelwe kuThixo)

Endaweni yoko ufanele wena weyiseke ukuba uThixo ukho uze ube nezizathu ezivakalayo zokukukholelwa oko.

Yintoni ke eqinisekisa wena ukuba uThixo ukho? Iphepha onokubhala kulo elithi “Kutheni Ndikholelwa KuThixo?” liza kukunceda uqiniseke ngakumbi ukuba uThixo ukho. Ukwazi ukuba olunye ulutsha luye lwaphendula njani kulo mbuzo nako kungakunceda.

“Xa ndisesikolweni ndimamele utitshala ecacisa indlela imizimba yethu esebenza ngayo, ndiye ndiqiniseke ukuba uThixo ukho. Ilungu ngalinye lomzimba linento eliyenzayo, nkqu nelona lincinane yaye ezinye izinto asizazi nokuba ziyenzeka emzimbeni. Umzimba womntu uyamangalisa!”—UTeresa.

“Xa ndibona ukrwec’ izulu wesakhiwo, inqanawa enkulu okanye imoto, ndiye ndizibuze, ‘Ngubani owenze le nto?’ Ngokomzekelo, imoto yenziwa ngabantu abakrelekrele kuba kukho izinto ezincinane ekufuneka zilunge ukuze ikwazi ukuduma ize ihambe. Ukuba iimoto zenziwa ngumntu othile, ngokuqinisekileyo nabantu badalwa.”—URichard.

“Ukwazi ukuba kuthathe amakhulukhulu eminyaka ukuba abantu abakrelekrele bazi nezona zinto zincinane kwindalo, kumele kwenze nabani na acinge ukuba ukho umntu okrelekrele oye wadala zonk’ ezi zinto!”—UKaren.

“Xa ndicinga ngendlela indalo esebenza ngayo ngokungummangaliso, indlela abantu abafuna ngayo ukwazi imvelaphi nekamva labo kokukhona ndibona ukuba akunakwenzeka ukuba izinto zizivelele. Le nkolo yokuba izinto zasuka zazivelela ayizange ikwazi ukuchaza isizathu sokuba abantu babe zizidalwa ezikhethekileyo. Ngenxa yezi zizathu kulula ngam ukuba ndikholelwe kuMdali kunokuba ndikholelwe ukuba izinto zasuka nje zabakho.”—UAnthony.

 Ukucacisa iinkolelo zam

Yintoni ekufuneka uyenze xa abanye abafundi bekugculela kuba ukholelwa kwinto ongayiboniyo? Uza kuthini xa besithi nesayensi ithi izinto zasuka zazivelela?

Kufuneka kuqala uzithembe iinkolelo zakho. Sukoyika okanye ube neentloni. (Roma 1:16) Kaloku khumbula:

  1. Akuwedwa; baninzi abantu abasakholelwa ukuba uThixo ukho. Abanye babo bantu bakrelekrele. Ngokomzekelo kukho oososayensi abakholelwa kubukho bukaThixo.

  2. Xa abantu besithi abakholelwa kuThixo, ngamany’ amaxesha bafuna nje ukuthi abamqondi uThixo. Kunokuba baze nobungqina obuxhasa izimvo zabo, basuka babuze imibuzo efana nethi, “Ukuba uThixo ukho, kutheni evumela ukubandezeleka?” Xa sesithetha inyani abawujongi kakuhle lo mba.

  3. Abantu ‘banentswelo yokomoya.’ (Mateyu 5:3) Le ntswelo iquka ukukholelwa kuThixo. Ngoko ukuba kukho umntu othi akukho Thixo, nguye yedwa onokuphendula xa enokubuzwa ukuba ufikelele njani kweso sigqibo.—Roma 1:18-20.

  4. Kusengqiqweni ukukholelwa kuThixo. Izicacele into yokuba ubomi abunakusuka nje buzivelele. Abukho tu ubungqina boko.

Yintoni ekufuneka uyenze xa abanye bethandabuza iinkolelo zakho? Nanga amacebiso ambalwa.

Ukuba ubani uthi: “Ngabantu abangafundanga abakholelwa kuThixo.”

Unokuphendula uthi: “Hay’ bo nawe ucinga loo nto kanti? Mna andicingi njalo. Uhlolisiso olwenziwa kooprofesa besayensi abayi-1 600 beeyunivesithi eziliqela lwabonisa oku, isithathu kubo sithi siyakholelwa kuThixo. a Ngaba ubuya kuthi ezi ngcali azikho krelekrele kuba nje zikholelwa kuThixo?”

Ukuba ubani uthi: “Ukuba uThixo ukho kutheni abantu bebandezeleka kangaka?”

Unokuphendula uthi: “Mhlawumbi uzama ukuthi awuyiqondi kakuhle indlela uThixo azenza ngayo izinto, okanye mhlawumbi awuboni nokubona ukuba zikho izinto azenzayo. Kunjalo? [Mvumele aphendule.] Ndiye ndafumana isizathu esivakalayo sokuba kubekho ukubandezeleka okungaka. Kodwa ukuze usiqonde kuza kufuneka kuqala sihlolisise iimfundiso eziliqela zeBhayibhile. Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi?”

Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngesizathu sokuba inkolo yokuba izinto zasuka zazivelela ingenasihlahla.

a Umthombo: KwiSocial Science Research Council kwincwadi ethi “Religion and Spirituality Among University Scientists,” ebhalwe nguElaine Howard ngoFebruwari 5, 2007.