Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingawulawula Njani Umsindo?

Ndingawulawula Njani Umsindo?

 Imibuzo onokuzibuza yona

  • Uba nawo kangakanani umsindo?

    • andifane ndibe nawo

    • ngamaxesha athile

    • yonke imihla

  • Uba mkhulu kangakanani umsindo wakho?

    • awubi mkhulu

    • uba mkhulu

    • uyagqabhuka

  • Ngubani odla ngokukwenza ube nomsindo?

    • ngumzali

    • ngumntwana wakowenu

    • ngumhlobo

Ukuba ufuna ukuwulawula umsindo wakho, eli nqaku lingakunceda! Kuqala, cinga ngezizathu ezibalulekileyo zokuhlala uzolile xa ucatshukiswa.

 Kutheni kubalulekile oku

Impilo yakho. IMizekeliso 14:30 ithi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba.” Ngokwahlukileyo, iJournal of Medicine and Life ithi “umsindo ungakwenza ube nesifo sentliziyo.”

Abahlobo bakho. IBhayibhile ithi: “Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo; yaye ungahlali nomntu obhabhama ngumsindo.” (IMizekeliso 22:24) Ngoko ke, ukuba ungumntu ohlala enomsindo, sukothuka xa abantu bengathandi ukuba kunye nawe. Enye intwazana egama linguJasmine ithi: “Ukuba awukwazi ukuwulawula umsindo wakho, uya kulahlekelwa ngabahlobo yaye abanye abazi kukwazi ukukuncenda.”

Indlela owaziwa ngayo. Omnye umfana ona-17 ogama linguEthan uthi: “Xa ugqajukelwa ngumsindo, uhlala usaziwa njengomntu onjalo.” Zibuze, ‘Ndifuna ukwaziwa njengomntu onjani—umntu ozolileyo okanye umntu onomsindo ohlal’ usempulweni?’ IBhayibhile ithi: “Ozeka kade umsindo unokuqonda okuninzi, kodwa ongenamonde uphakamisa ubudenge.”—IMizekeliso 14:29.

Akakho umntu ofuna ukuhlala nomntu ogqajukelwa ngumsindo

 Oko unokukwenza

Cingisisa ngezi zibhalo zilandelayo kunye noko kuthethwa ngabanye, uze uzibuze le mibuzo ilandelayo.

  • IMizekeliso 29:22 ithi: “Umntu onomsindo uxhokonxa usukuzwano, yaye nabani na otyekele emsindweni unokunxaxha okuninzi.”

    “Ndisakhula, kwakunzima ukuwulawula umsindo wam. Ngabantu bakulotata abanale ngxaki, inoba ke nam bandosulele. Kuba nzima ukulawula indlela esivakalelwa ngayo!”—UKerri

    Ngaba ndihlala ndinomsindo? Asikwazi kuthi kungenxa yemigudu yethu le nto sineempawu ezintle size siphinde sijike sityhole abazali bethu ngeempawu ezimbi.

  • IMizekeliso 15:1 ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”

    “Umele ukwazi ukuzilawula iimvakalelo zakho. Ukuba uzama ukuba ngumntu ozolileyo, awuzi kukhawuleza ugqajukelwe ngumsindo.”—UDaryl

    Into oyenza emva kokucatshukiswa yeyona ibalulekileyo.

  • IMizekeliso 26:20 ithi: “Apho kungekho nkuni uyacima umlilo.”

    “Elona yeza lokuphendula umntu obhabhamayo, kukuthetha ngendlela ezolileyo.”—UJasmine.

    Amazwi nezenzo zingatshis’ okomlilo.

  • IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”

    “Ngamany’ amaxesha kuye kunyazeleke ukuba ndikhe ndiyokubethwa ngumoya, ndize ndicinge ngaloo nto yenzekileyo. Emva kwethuba elithile, ndiyakwazi ukujongana nayo ndizolile.”—UGary

    Liliphi ixesha ekunokuba kuhle ukuba ukhe uyishiye ingxabano ngaphandle kokwenza ngathi uyambaleka loo mntu uxabana naye?

  • UYakobi 3:2 uthi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”

    “Ewe kona, sifanele sizisole ngeempazamo zethu, kodwa ke kufuneka sifunde kuzo. Kufuneka siphakame sivuthulule size silungise apho sisilela khona.”—UKerri.

Icebiso: Zibekele usukelo. Zixelele ukuba uzohlala uzolile kangangexesha elithile—mhlawumbi inyanga. Kufuneka umane uzihlola ukuba uqhuba njani.