Yobhi 20:1-29

  • UTsofare uthetha okwesibini (1-29)

    • Uziva ethukiwe nguYobhi (2, 3)

    • Uzama ukuthi uYobhi ungumenzi-bubi (5)

    • Uthi uYobhi uyakuthanda ukona (12, 13)

20  UTsofare+ umNahama waphendula wathi:   “Izinto endizicingayo ziyandicaphukisa;Zithi mandithethe.   Ndizivile izithuko zakho;Ibe ingqondo yam ithi mandikuphendule.   Umele ukuba kudala usazi,Kuba kwakunje ukususela oko kwabakho umntu* emhlabeni,+   Ulonwabo lwabantu abenza ububi luphela ngoku,Novuyo lomntu oziphethe kakubi* lolomzuzwana.+   Nokuba ikratshi lakhe lingarheca izuluNentloko yakhe ifikelele emafini,   Uza kutshabalala ngonaphakade okwelindle lakhe;Abo babedla ngokumbona baza kuthi, ‘Waya phi?’   Uza kuphaphazela emke okwephupha, angaze afunyanwe;Uza kulityalwa msinyane okwephupha lasebusuku.   Amehlo awayekhe ambona soze aphinde ambone,Soze aphinde abonakale nasendaweni yakhe.+ 10  Abantwana bakhe baza kuzicengezela kumahlwempu,Nezandla zakhe zibubuyisele bonke ubutyebi awabuhlutha kwabanye.+ 11  Wayekade enamandla ngeemini zobutsha bakhe,Kodwa uza kufa nawo. 12  Ukuba izinto ezimbi zimnandi emlonyeni wakhe,Ade azifihle naphantsi kolwimi, 13  Ukuba uyazinandipha angafuni kwahlukana nazo,Kodwa ahlale ezimumathe emlonyeni, 14  Oko kutya kuza kubolela ngaphakathi kuye;Kufane netyhefu* yephimpi. 15  Obo butyebi abuginyileyo uza kubuhlanza;UThixo uza kubukhupha bonke esiswini sakhe. 16  Uza kufunxa ityhefu yephimpi;Abulawe ngamazinyo erhamba.* 17  Soze aphinde ayibone imifula,Imisinga yobusi nebhotolo. 18  Uza kuzibuyisela izinto zakhe engazisebenzisanga;Soze abutye nobutyebi abusebenzeleyo.+ 19  Kaloku uye wawacinezela amahlwempu,Wohlutha nendlu angayakhanga. 20  Kodwa soze axole;Ubutyebi bakhe abuzukumsindisa. 21  Akukho nto ishiyekileyo anokuyiqwenga;Yiyo le nto ubutyebi bakhe buza kuphelel’ emoyeni. 22  Xa enentabalala yobutyebi uza kufikelwa ngamaxhala,Afikelwe lilishwa emva kwelinye. 23  Uza kuthi esagcwalisa isisu sakhe,UThixo athumele umsindo wakhe kuye,Awugalele ezibilinini zakhe. 24  Uza kuthi esabaleka izikhali zentsimbi,Achanwe lutolo lwekopolo. 25  Uza kuthi esaluncothula emqolo,Esalukhupha olo tolo lumenyezelayo enyongweni yakhe,Asuke oyike.+ 26  Buza kuvuthuluka buphele tu ubutyebi bakhe;Uza kutshiswa ngumlilo ongaphenjwanga mntu,Aze nabani na osindileyo ententeni yakhe ehlelwe yintlekele. 27  Izulu liza kusibhenca isono sakhe,Ajikelwe nangumhlaba. 28  Indlu yakhe iza kukhukuliswa,Imke nomsinga onamandla ngemini yomsindo kaThixo. 29  Naso ke isabelo uThixo asinika abenzi-bubi,Ilifa ababekele lona.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uAdam.”
Okanye “lomwexuki.”
Okanye “nenyongo.”
Ngokoqobo, “lulwimi lwerhamba.”