Kubalisa uLuka 4:1-44

  • UMtyholi uhenda uYesu (1-13)

  • UYesu uqalisa ukushumayela eGalili (14, 15)

  • UYesu akamkelwa eNazarete (16-30)

  • Kwindlu akhonzela kuyo amaYuda eKapernahum (31-37)

  • Kuphiliswa umkhwekazi kaSimon nabanye (38-41)

  • UYesu ufunyanwa ligquba labantu ehleli yedwa (42-44)

4  UYesu wemka eYordan waya entlango, eqhutywa ngumoya oyingcwele.+  Wahlala apho iintsuku eziyi-40, waza wahendwa nguMtyholi.+ Akazange atye nto ngezo ntsuku, ngoko walamba ekupheleni kwazo.  Akubona loo nto, uMtyholi wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo, yithi kweli litye malibe sisonka.”  Kodwa uYesu wamphendula wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Umntu akamele aphile ngokutya kuphela.’”+  UMtyholi wamnyusa wamsa kwindawo ephakamileyo, waza ngephanyazo wambonisa onke amazwe ehlabathi,+  wathi kuye: “Ndiza kukunika onke la mazwe ukuba uwalawule, ndikunike nobutyebi bawo, kuba zinikwe mna zonke ezi zinto,+ ibe ndingazinika nabani na endifuna ukumnika.  Ukuba ungaqubuda kum undikhonze nje kube kanye, zonke ziza kuba zezakho.”  UYesu wathi kuye: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Umele ukhonze uYehova* uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.’”+  Emva koko wamsa eYerusalem, wammisa kweyona ndawo iphakamileyo etempileni, waza wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo, ziphose ezantsi,+ 10  kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Uza kuyalela iingelosi zakhe ukuba zikukhusele,’ 11  kwaphinda kwathiwa, ‘Ziza kukuthwala ngezandla, ukuze unyawo lwakho lungabetheki elityeni.’”+ 12  UYesu wathi kuye: “Kuthiwa, ‘Uze ungamlingi uYehova* uThixo wakho.’”+ 13  Wathi uMtyholi akugqiba ukumlinga, wahamba, kodwa waqhubeka ekhangela elinye ithuba lokumlinga.+ 14  UYesu wabuyela eGalili enomoya oyingcwele. Ibe kwakuthethwa kakuhle ngaye kuwo wonke loo mmandla.+ 15  Wayefundisa kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda,* enconywa ngumntu wonke. 16  UYesu waya eNazarete,+ apho wayekhulele khona. Njengesiqhelo, ngomhla wesabatha waya kwindlu akhonzela kuyo amaYuda.*+ Waphakama ke ukuze afunde iZibhalo, 17  wanikwa umsongo womprofeti uIsaya, wawuvula kwindawo ebhalwe la mazwi: 18  “UYehova* undinike umoya wakhe, kuba undikhethile* ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Undithume ukuba ndishumayele ukuba abathinjwa baza kukhululwa, nabantu abangaboniyo baza kubona, ndikhulule abasentlungwini,+ 19  ndishumayele nangexesha laxa uYehova* eza kubenzela inceba abantu.”+ 20  Emva koko wawusonga umsongo, wawubuyisela kumlindi waza wahlala phantsi; yaye amehlo abo bonke ababekuloo ndlu ayethe ntsho kuye. 21  Wathi kubo: “Yenzekile namhlanje yonke le nto ikwesi sibhalo.”+ 22  Bonke bathetha kakuhle ngaye, bemangalisiwe zizinto awayezithetha,+ besithi: “Ayingonyana kaYosefu na lo?”+ 23  Wathi kubo: “Ndiqinisekile ukuba niza kuthi kum, ‘Ziphilise kaloku gqirha. Yenza nalapha kowenu ezi zinto sive ukuba uzenzile eKapernahum.’”+ 24  Ngoko wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, akakho umprofeti owakhe wamkelwa kummandla wakowabo.+ 25  Ngokomzekelo, babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, xa kwakungazange kunethe iminyaka emithathu neenyanga ezintandathu, kwaza kwakho indlala enkulu kulo lonke ilizwe.+ 26  Kodwa uEliya akazange athunyelwe nakomnye wabo bafazi; endaweni yoko, wathunyelwa kumhlolokazi waseTsarefathi kwilizwe laseSidon.+ 27  Kwakhona, baninzi abantu ababeneqhenqa kwaSirayeli ngexesha lomprofeti uElisha, kodwa akukho namnye kubo owaphiliswayo;* endaweni yoko, kwaphiliswa uNahaman umSiriya.”+ 28  Bathi bakuziva ezi zinto, bacaphuka kakhulu bonke abo babekule ndlu,+ 29  baza ngoko nangoko bamkhuphela ngaphandle kwesixeko, bamsa phezu kweliwa esasakhelwe kulo isixeko sabo, ukuze bamphose ngentloko ezantsi. 30  Kodwa yena wadlula phakathi kwabo waza wemka.+ 31  Wehla waya eKapernahum, isixeko saseGalili. Wathi xa ebafundisa apho ngeSabatha,+ 32  bamangaliswa yindlela awayefundisa ngayo,+ kuba wayethetha njengomntu onegunya. 33  Kwathi kanti kukho umntu onedemon kuloo ndlu wayefundisa kuyo, waza wakhwaza kakhulu esithi:+ 34  “Arh! Ufuna ntoni kuthi Yesu waseNazarete?+ Uzokusitshabalalisa? Ndikwazi kakuhle ukuba ungubani; unguLowo Ungcwele kaThixo.”+ 35  Kodwa uYesu wayingxolisa, wathi: “Thula! Phuma kulo mntu!” Ngoko yamjula phantsi abantu bejongile, emva koko yaphuma kuye ingamenzakalisanga. 36  Yabamangalisa bonke le nto, baza babuzana besithi: “Niyamva na lo mntu uthetha njani? Uthetha nje kube kanye, ziphume iidemon!” 37  Ngoko kwakuthethwa ngaye kuyo yonke imimandla ekufutshane nelo lizwe. 38  Emva koko, uYesu wemka kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda,* waya kwikhaya likaSimon. Umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza bamcela ukuba amncede.+ 39  Wema ecaleni kwakhe, wathi loo fiva mayiphele, yaphela. Ngoko nangoko lo mfazi waphakama wabenzela ukutya. 40  Kwathi xa kusihlwa, bazisa kuye abantu ababegula zizifo ezahlukahlukeneyo. Wababeka izandla bonke, wabaphilisa.+ 41  Kwaphuma iidemon ebantwini abaninzi, zikhwaza zisithi: “UnguNyana kaThixo.”+ Kodwa wayezingxolisa, engazivumeli ukuba zithethe,+ kuba zazimazi ukuba unguKristu.+ 42  Kwathi kwakusa, wemka apho waya kwindawo engenabantu.+ Kodwa abantu bamkhangela de bamfumana, bamcenga ukuba angemki. 43  Wathi kubo: “Ndimele ndishumayele iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, kuba ndithunywe loo nto.”+ 44  Ngoko wemka waya kushumayela kwizindlu ekukhonzelwa kuzo kwaYuda.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye “undithambisele.”
Okanye “owacocwayo.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu zakwaYuda.”