Ileta Eya KwabaseKolose 1:1-29

  • Imibuliso (1, 2)

  • Kubulelwa ukholo lwamaKolose (3-8)

  • Kuthandazelwa ukuba bakhule elukholweni (9-12)

  • Umsebenzi obalulekileyo kaKristu (13-23)

  • Indlela uPawulos alisebenzela nzima ngayo ibandla (24-29)

1  UPawulos ongumpostile kaKristu Yesu ngenxa yokuthanda kukaThixo, noTimoti+ umzalwana wethu,  babhalela abangcwele nabazalwana abathembekileyo abamanyene noKristu eKolose besithi: Kwanga uThixo uTata wethu anganenzela ububele* aze aninike uxolo.  Sisoloko simbulela uThixo uTata weNkosi yethu uYesu Kristu xa sinithandazela,  kuba siye seva ngendlela eniye naba nokholo ngayo kuKristu Yesu nendlela eniye nabathanda ngayo bonke abangcwele  ngenxa yethemba enilibekelweyo emazulwini.+ Eli themba naliva xa naxelelwa ngenyaniso yeendaba ezilungileyo  eziye zafika kuni. Kanye njengokuba iindaba ezilungileyo zivelisa isiqhamo yaye zisanda ehlabathini lonke,+ zenza loo nto nakuni ukususela ngosuku eneva ngalo ngobubele bukaThixo* naza nayazi eyona nto buyiyo.  Loo nto nayifunda kuEpafra+ othandekayo olikhoboka kunye nathi nosebenzela uKristu ngokuthembeka endaweni yethu.  Uye wasichazela nangothando eninalo oluveliswe ngumoya kaThixo.  Yiloo nto ukususela ngemini esayivayo loo nto, singazange siyeke ukunithandazela+ nokunicelela ukuba nikwazi ngendlela echanileyo+ ukuthanda kukaThixo nabo bonke ubulumko, uze umoya wakhe unincede niqonde,+ 10  ukuze nenze izinto ngendlela uYehova* afuna ngayo nize nimvuyise ngokupheleleyo, njengoko nihlala nivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi omhle eniwenzayo yaye nisiya nimazi ngendlela echanileyo uThixo.+ 11  Kwanga ningomelezwa ngawo onke amandla akhe azukileyo+ ukuze ninyamezele ngokupheleleyo ngomonde yaye nivuya, 12  njengoko nimbulela uTata onenze nafumana kwilifa labangcwele+ abasekukhanyeni. 13  Uye wasikhupha ebumnyameni*+ waza wasifudusela kubukumkani boNyana wakhe amthandayo, 14  esihlawulelwe ngaye, saxolelwa nezono zethu.+ 15  Uneempawu ezifana nezikaThixo ongabonakaliyo,+ yaye kwaqala kwadalwa yena kuyo yonke indalo,+ 16  kuba kwasetyenziswa yena ukudala zonke ezinye izinto ezisezulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezingabonakaliyo,+ nokuba ezo zinto ziitrone okanye lulawulo okanye ngoorhulumente okanye ngamagunya. Kusetyenziswe yena ukudala zonke ezinye izinto+ yaye zidalelwe yena. 17  Kanjalo, nguye owaba ngowokuqala kunazo zonke ezinye izinto+ yaye kwasetyenziswa yena ukuze zibekho, 18  kwaye uyintloko yomzimba, olibandla.+ Usisiqalo, ungowokuqala ukuvuka ekufeni,+ ukuze abe ngowokuqala kuzo zonke izinto; 19  kuba uThixo wavuyiswa kukuba zonke izinto zibe kuKristu ngokupheleleyo,+ 20  nokuthi amsebenzise ekwenzeni zonke ezinye izinto+ zibe seluxolweni naye, ngokuthi adale uxolo ngegazi+ elachitheka kwisibonda sokungcungcutheka,* kungakhathaliseki ukuba zizinto ezisemhlabeni okanye ezisemazulwini. 21  Enyanisweni nina enanikhe nakude kuThixo, niziintshaba ngenxa yokuba iingqondo zenu zazicinga ngokwenza izinto ezimbi, 22  ngoku uye wanenza naphinda naba seluxolweni naye esebenzisa umzimba woNyana wakhe owafayo, ukuze anizise ningcwele, ningenabala yaye ningamangaleleki nganto phambi kwakhe.+ 23  Noko ke, kufuneka niqhubeke ninokholo,+ nizinze phezu kwesiseko+ yaye ningagungqi,+ ningasuswa kwithemba leendaba ezilungileyo enazivayo, nezashunyayelwa kwindalo yonke ephantsi kwezulu.+ Mna Pawulos ndaba ngumshumayeli wezo ndaba zilungileyo.+ 24  Kuyandivuyisa ukuva ubunzima ngenxa yenu,+ ibe ndijongene nobunzima njengoKristu, kodwa kusafuneka ndijongene nobunzima ngokupheleleyo ngenxa yomzimba wakhe+ olibandla.+ 25  UThixo wandikhetha, wandinika umsebenzi wokusebenzela ibandla ukuze kuncedakale nina.+ Yiloo nto ndishumayela ngelizwi likaThixo ngokupheleleyo, 26  imfihlelo engcwele+ eyayifihliwe ukususela kudala*+ nakwizizukulwana zangaphambili. Kodwa ngoku ityhilelwe abantu bakhe abangcwele.+ 27  UThixo uye wakuvuyela ukubatyhilela ubutyebi bale mfihlelo ingcwele abo bangcwele phakathi kweentlanga.+ Le mfihlelo nguKristu ngokumanyene nani, ithemba lozuko lwakhe.+ 28  Nguye esishumayela ngaye, sicebisa bonke abantu yaye sibafundisa ngabo bonke ubulumko, ukuze sibazise bonke abantu bephelele, bemanyene noKristu.+ 29  Ngenxa yoku ndisebenza nzima nyhani, ndizimisele ngenxa yamandla andinika wona.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obunganifanelanga.”
Okanye “ububele bukaThixo obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “phantsi kwegunya lobumnyama.”
Okanye “kwisibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kwiinkqubo zezinto zangaphambili.” Funda Ingcaciso Yamagama.