IMizekeliso 18:1-24

  • Umntu ozikhethayo uzicingela yedwa yaye akasosilumko (1)

  • Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo (10)

  • Engqondweni yesityebi ubutyebi buyakhusela (11)

  • Ubulumko bokumamela amacala omabini (17)

  • Umhlobo usondele ngaphezu komntakwenu (24)

18  Nabani na ozikhethayo ebantwini uzicingela yedwa;Ufulathela* bonke ubulumko.   Umntu osisidenge akakuthandi ukuqonda;Endaweni yoko ukhetha ukukhupha into esentliziyweni yakhe.+   Xa kusiza umenzi-bubi, ukhatshwa yindelelo,Ibe ukungahloniphi kuhamba nehlazo.+   Amazwi omlomo womntu ngamanzi anzulu.+ Umthombo wobulumko ngumsinga ompompozayo.   Akulunganga ukukhetha icala lomenzi-bubi,+Okanye ukungalenzeli bulungisa ilungisa.+   Amazwi esidenge adala ingxabano,+Ibe umlomo waso usibizela imivumbo.+   Umlomo wesidenge usifaka engxakini,+Ibe imilebe yaso ingumgibe ebomini baso.   Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;*+Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+   Olivila emsebenzini wakheNgumntakwabo walowo wonakalisayo.+ 10  Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo.+ Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.*+ 11  Ubutyebi besinhanha bunjengesixeko saso esikhuselekileyo;Bunjengodonga olukhuselayo engqondweni yaso.+ 12  Phambi kokuwa intliziyo yomntu iyaziphakamisa,+Ibe phambi kozuko kukho ukuthobeka.+ 13  Ukuba nabani na uphendula into engekayiva kakuhle,Bubudenge obo nehlazo.+ 14  Umoya womntu unokumnceda anyamezele isifo,+Kodwa ngubani onokunyamezela umoya oxhwalekileyo?*+ 15  Intliziyo yabantu abaqondayo ifumana ulwazi,+Nendlebe yezilumko ifuna ulwazi. 16  Isipho somntu simvulela indlela;+Simnceda akwazi ukufikelela kubantu abakhulu. 17  Omangala kuqala etyaleni uvakala echanile,+De omnye umntu afike amncine.*+ 18  Iqashiso liphelisa ingxabano+Lize lidale uxolo phakathi kwabo* bangavaniyo. 19  Umhlobo okhubekileyo ulukhuni ngaphezu kwedolophu ekhuselekileyo,+Ibe kukho iingxabano ezahlukanisa abantu njengemivalo yenqaba.+ 20  Ngesiqhamo samazwi akhe* umntu uza kugcwalisa isisu sakhe;+Uza kwaneliswa yimveliso yemilebe yakhe. 21  Ukufa nobomi kusemandleni olwimi;+Abo bakuthandayo ukulusebenzisa baza kutya isiqhamo salo.+ 22  Umntu ofumene umfazi olungileyo ufumene into entle,+Ibe uyathandwa* nguYehova.+ 23  Ihlwempu liyacenga xa lithetha,Kodwa isityebi siphendula rhabaxa. 24  Kukho abantu abakulungeleyo ukutyumzana,+Kodwa kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ubonisa ukuba uyabucaphukela.”
Okanye “anjengezinto ezibimbilizwa ngenxa yokurhala.”
Ngokoqobo, “liphakanyiswe,” oko kukuthi, lingafikeleleki.
Okanye “ukuphelelwa lithemba?”
Okanye “amgocagoce.”
Ngokoqobo, “lahlukanise abo.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “unqwenelelwa okuhle.”