Eksodus 12:1-51

  • Kuchazwa iPasika (1-28)

    • Igazi limele litshizwe kwimigubasi (7)

  • Isibetho 10: kubulawa amazibulo (29-32)

  • AmaSirayeli ayahamba (33-42)

    • Ukuphela kweminyaka eyi-430 (40, 41)

  • Umthetho wePasika (43-51)

12  UYehova wathi kuMoses noAron kwilizwe laseYiputa:  “Kuni le nyanga iza kuba yeyokuqala kwiinyanga zenu. Iza kuba yeyokuqala kwiinyanga zenu zonyaka.+  Thethani nebandla lonke lakwaSirayeli nithi, ‘Ngosuku lweshumi kule nyanga, ngamnye makazithathele igusha+ ngokwezindlu zootata benu, igusha ibe nye kwindlu nganye.  Kodwa ukuba bambalwa kakhulu ekhayeni ukuba bangayigqiba igusha, mabayidibanele nommelwane okufutshane kwelo khaya, ngokwenani labantu. Xa nibala, khangelani ukuba umntu ngamnye uza kutya inyama yayo engakanani.  Igusha yakho mayibe yinkunzi ephilileyo+ enonyaka ubudala. Ningathatha kumatakane eegusha aziinkunzi okanye kwiibhokhwe.  Nimele niyikhathalele kude kube ngumhla we-14 kule nyanga,+ kwaye indlu nganye kulo lonke ibandla lakwaSirayeli imele iyixhele ngorhatya.*+  Bamele bathathe kwigazi layo baze batshize imigubasi yomibini nomphezulu womnyango wendlu abaza kulityela kuyo.+  “‘Bamele bayitye loo nyama ngobo busuku.+ Bamele bayoje baze bayitye nesonka esingenagwele+ nemifuno ekrakra.+  Ningakhe niyitye ikrwada okanye ibilisiwe, iphekwe ngamanzi, kodwa mayojiwe, intloko yayo, amanqina ayo nezibilini zayo. 10  Ningayigcini inyama kude kube kusasa, kodwa ukuba kukho eshiyekileyo kwada kwakusasa yitshiseni ngomlilo.+ 11  Nantsi indlela emaniyitye ngayo, yityeni nibhinqe amabhanti enu,* ninxibe iimbadada zenu niphethe nemisimelelo yenu, kwaye nimele niyitye ningxamile. YiPasika kaYehova leyo. 12  Ndiza kulihamba lonke ilizwe laseYiputa ngobo busuku ndize ndixabele onke amazibulo, ukusuka emntwini kuyokuqhina kwisilwanyana,+ ndibagwebe bonke oothixo baseYiputa.+ NdinguYehova. 13  Elo gazi liza kuba luphawu lwenu kwizindlu eniza kube nikuzo. Ndiza kuthi ndakulibona ndidlule kuni, yaye isibetho asizukunifikela size sinitshabalalise xa ndixabela ilizwe laseYiputa.+ 14  “‘Olu suku luza kuba sisikhumbuzo kuni, ngalo nimele nibhiyoze, nenzele uYehova itheko kuzo zonke izizukulwana zenu. Nimele nibhiyoze ngalo kuba lowo ngumthetho oya kuhlala ukho. 15  Niza kutya isonka esingenagwele+ iintsuku ezisixhenxe. Ngosuku lokuqala nimele nilisuse igwele ezindlini zenu, kuba nabani na otya into enegwele ukusuka kusuku lokuqala ukuya kolwesixhenxe, umele abulawe kwaSirayeli. 16  Ngosuku lokuqala niza kuba nendibano engcwele, nangosuku lwesixhenxe niza kuba nenye indibano engcwele. Akumele kusetyenzwe ngezi ntsuku.+ Umntu uza kusebenza kuphela xa elungiselela into aza kuyitya. 17  “‘Nimele niqhubeke nilibhiyozela iTheko Lezonka Ezingenagwele,+ kuba kanye ngolo suku ndiza kuzikhupha izihlwele zenu* kwilizwe laseYiputa. Yaye nimele nilugcine olu suku kuzo zonke izizukulwana zenu, ibe ngumthetho oya kuhlala ukho. 18  Ngenyanga yokuqala, ngosuku lwe-14, ngokuhlwa, niya kutya izonka ezingenagwele kude kuyokuba ngengokuhlwa+ yosuku lwe-21 lwaloo nyanga. 19  Makungafunyanwa gwele ezindlini zenu iintsuku ezisixhenxe, kuba nabani na otya into enegwele, nokuba ngumntu wasemzini okanye inzalelwane yalapho,+ umele abulawe, asuswe kwibandla lakwaSirayeli.+ 20  Nifanele ningatyi nantoni na enegwele. Kumakhaya enu nimele nitye izonka ezingenagwele.’” 21  Ngoko nangoko uMoses wabiza bonke abadala bakwaSirayeli+ waza wathi kubo: “Hambani niyokuzithathela izilwanyana* ngokweentsapho zenu, nize niwuxhele umbingelelo wePasika. 22  Emva koko kwindlu nganye kumele kuthathwe isihlahla sesityalo sehisope, sithiwe nkxu egazini elisesityeni kuze kuqatywe umphezulu womnyango nemigubasi yomibini ngegazi elisesityeni, yaye makungabikho mntu kuni uphuma ngomnyango wendlu yakhe kude kuse. 23  Kuza kuthi xa uYehova edlula apho eyokubetha amaYiputa, aze abone igazi elikumphezulu womnyango wenu nakwimigubasi yomibini, agqithe uYehova kuloo mnyango, yaye akazukuvumela isibetho sokufa singene ezindlini zenu.+ 24  “Nimele nisikhumbule esi siganeko, ibe lowo ngumthetho oya kuhlala ukho kuni nakoonyana benu.+ 25  Ukufika kwenu kwilizwe aza kuninika lona uYehova, ekubeni watsho njalo, nimele nisikhumbule esi siganeko.+ 26  Xa oonyana benu benibuza besithi, ‘Niwenzela ntoni lo mbhiyozo?’+ 27  nize nithi, ‘Ngumbingelelo wePasika owenzelwa uYehova, owadlulayo ezindlini zoonyana bakaSirayeli eYiputa, xa wayebetha amaYiputa ngesibetho, kodwa waziyeka izindlu zethu.’” Emva koko abantu baqubuda. 28  Ngoko ahamba amaSirayeli aza enza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses noAron.+ Enza kanye njengokuba wayetshilo. 29  Emva koko uYehova waxabela onke amazibulo akwilizwe laseYiputa+ ezinzulwini zobusuku, ukusuka kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe ukuyokuqhina ngezibulo lomthinjwa owayesejele,* nezibulo lesilwanyana ngasinye.+ 30  UFaro wavuka ngobo busuku, yena nezicaka zakhe nawo onke amanye amaYiputa. Kwakusisijwili nje kumaYiputa, kuba kwakukho umntu ofileyo kuzo zonke izindlu zawo.+ 31  Ngoko nangoko uFaro wabiza uMoses noAron+ ngobusuku waza wathi: “Vukani, phumani phakathi kwabantu bam, wena namaSirayeli. Hambani niyokukhonza uYehova, ngokutsho kwenu.+ 32  Thathani imihlambi yenu yeegusha neyeenkomo nimke, ngokutsho kwenu.+ Kodwa nimele nindisikelele.” 33  NamaYiputa acela abantu ukuba bakhawuleze bahambe+ kwelo lizwe, esithi, “kuba sesifana nje nabafileyo!”+ 34  Ngoko abantu bathwala emagxeni intlama yabo yomgubo engenagwele, ikwizitya zabo zokuxovela ezisongelwe ngempahla. 35  AmaSirayeli ayenza into awayixelelwa nguMoses, acela kumaYiputa izinto zesilivere nezegolide neempahla.+ 36  UYehova wabenza bathandwa abantu ngamaYiputa, aza abanika izinto abazicelayo, bawathathela izinto ezininzi amaYiputa.+ 37  Emva koko amaSirayeli emka eRameses+ aya eSukoti,+ amadoda ayi-600 000 ahamba ngeenyawo,* xa bengabalwa abantwana.+ 38  Bahamba nelinye iqela elikhulu elixubeneyo labantu,*+ imihlambi yeegusha, yeenkomo, imfuyo eninzi kakhulu. 39  Bayibhaka intlama ababemke nayo eYiputa, benza ngayo izonka ezirawundi, ezingenagwele. Intlama yayingenagwele kuba bakhutshwa ngokungxama eYiputa bengekazenzeli umphako.+ 40  AmaSirayeli ahlala eYiputa+ iminyaka eyi-430.+ 41  Ekupheleni kweminyaka eyi-430, kanye ngolo suku, zaphuma izihlwele* zikaYehova kwilizwe laseYiputa. 42  Obu busuku, bubusuku abaya kubhiyoza ngabo, bekhumbula ukukhutshwa kwabo nguYehova kwilizwe laseYiputa. Bonke abantu bakwaSirayeli ukutyhubela izizukulwana zabo, bamele babhiyoze ukuze bazukise uYehova ngobu busuku.+ 43  Emva koko uYehova wathi kuMoses noAron: “Nanku umthetho wePasika: Makungabikho mntu wasemzini otya umbingelelo wePasika.+ 44  Kodwa ukuba umntu unekhoboka elithengwe ngemali, makaloluse.+ Emva koko livumelekile ukuba lingawutya. 45  Umfiki nomqeshwa abazukuwutya umbingelelo wePasika. 46  Mawutyelwe endlini enye. Uze ungaphumi nenyama yawo uye nayo kwenye indawo. Kwaye uze ungaphuli nalinye ithambo kuloo mbingelelo.+ 47  Lonke ibandla lakwaSirayeli limele liyibhiyozele iPasika. 48  Ukuba kukho umntu wasemzini ohlala nawe ofuna ukubhiyozela iPasika ukuze azukise uYehova, makuqalwe koluswe wonke umntu oyindoda wendlu yakhe. Emva koko angasondela ukuze ayibhiyozele, kwaye uya kuba njengenzalelwane yelizwe. Kodwa akakho umntu ongolukanga omele awutye umbingelelo wePasika.+ 49  Kuza kusebenza umthetho ofanayo kwinzalelwane nakumntu wasemzini ohlala nani.”+ 50  Ngoko onke amaSirayeli enza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses noAron. Enza kanye ngaloo ndlela. 51  Ngaloo mini uYehova wawakhupha amaSirayeli kwilizwe laseYiputa ezizihlwele.*

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “phakathi kwezo ngokuhlwa zimbini.”
Ngokoqobo, “nibhinqe izinqe zenu.”
Ngokoqobo, “imikhosi yenu.”
Oko kukuthi, itakane legusha okanye lebhokhwe.
Ngokoqobo, “owayekwindlu eliqula.”
Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha lichaza inani lamadoda kuphela, abafazi zange babalwe.
Oko kukuthi, iqela elixubeneyo elingengawo amaSirayeli, kodwa ekukho amaYiputa kulo.
Ngokoqobo, “imikhosi.”
Ngokoqobo, “eyimikhosi.”