Yiya kwinkcazelo

Uxolo Emhlabeni—Luya Kubakho Njani?

Uxolo Emhlabeni—Luya Kubakho Njani?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Uxolo emhlabeni aluyi kuziswa ngabantu, kodwa luya kuza ngoBukumkani bukaThixo, urhulumente wasezulwini onomlawuli onguKristu uYesu. Khawuve into esiyifundiswa yiBhayibhile ngeli themba limangalisayo.

  1. UThixo uya ‘kuphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba,’ efeza isithembiso sakhe sokuzisa uxolo emhlabeni kubantu abathandayo!”—INdumiso 46:9; Luka 2:14, Good News Translation.

  2. UBukumkani bukaThixo buya kulawula umhlaba busezulwini. (Daniyeli 7:14) Njengorhulumente oya kube elawula lonke ihlabathi, uya kuphelisa ubuhlanga, obungunozala weziphithiphithi ezininzi.

  3. UYesu, uMlawuli woBukumkani bukaThixo, ubizwa ngokuba ‘yiNkosana yoXolo,’ yaye uya kuqiniseka ukuba ‘uxolo aluyi kuphela.’—Isaya 9:6, 7.

  4. Abantu abazimisele ukuhlala besilwa abayi kuphila xa kulawula obu Bukumkani, ekubeni “umphefumlo [kaThixo] umthiyile nabani na othanda ugonyamelo”—INdumiso 11:5; IMizekeliso 2:22.

  5. UThixo ufundisa abantu aza kubalawula indlela yokuphilisana ngoxolo. Ichaza izinto ezibangelwa ngulo myalelo, iBhayibhile ithi: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.”—Isa. 2:3, 4.

Khona ngoku, izigidi zamaNgqina kaYehova ezisehlabathini zifundiswa nguThixo indlela yokuhlalisana ngoxolo. (Mateyu 5:9) Nangona singabezizwe ezininzi ezahlukeneyo yaye sihlala kumazwe angaphezu kwama-230, asilwi.

Namhlanje amaNgqina kaYehova afunda iindlela zokuba noxolo