Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI IZINTO EZIBUHLUNGU ZISEHLELA ABANTU ABALUNGILEYO?

Oko UThixo Aza Kukwenza Ngobubi

Oko UThixo Aza Kukwenza Ngobubi

IBhayibhile isixelela oko kuza kwenziwa nguYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu ngokubandezeleka okubangelwe nguSathana uMtyholi. IBhayibhile ithi: “Wabonakaliselwa le njongo uNyana kaThixo [uYesu], yokuba ayichithe imisebenzi kaMtyholi.” (1 Yohane 3:8) Le nkqubo yezinto isekelwe ekunyolukeni, ebubini nakwizinto ezingekho-sikweni ezenzekayo, iza kupheliswa. UYesu Kristu uthembisa ukuba “umlawuli weli hlabathi” uSathana uMtyholi “uza kuphoselwa phandle.” (Yohane 12:31) Xa ingasekho impembelelo kaSathana, kuya kubakho ihlabathi elitsha elinobulungisa, yaye lo mhlaba uya kuba yindawo enoxolo.—2 Petros 3:13.

Kuza kwenzeka ntoni kwabo bangavumiyo ukutshintsha iindlela zabo, abafuna ukwenza okubi? Khawuve ukuba esi sithembiso sikuchaza njani oku: Kuphela ‘ngabathe tye abaya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.’ (IMizekeliso 2:21, 22) Iya kube ingasekho impembelelo yabantu abangendawo. Phantsi kwezi meko zoxolo, abantu abathobelayo baya kukhululeka kwilifa lokungafezeki.—Roma 6:17, 18; 8:21.

UThixo uza kubuphelisa njani ububi kwelo hlabathi litsha? Oko akazukwenza ngokuyekisa ilungelo lokuzikhethela nangokwenza abantu benze loo nto ayifunayo. Kunoko, uza kufundisa abantu abathobekileyo iindlela zakhe, aze abancede bohlukane neengcinga kwakunye nezenzo ezimdaka.

UThixo uza kususa konke ukubandezeleka

Yintoni eza kwenziwa nguThixo ngeentlekele ezingabonwa kwangaphambili? Uthembise ukuba uBukumkani bakhe buza kulawula emhlabeni. UThixo ukhethe uKumkani oza kulawula uBukumkani bakhe uYesu Kristu, yena ke unamandla okuphelisa ukugula. (Mateyu 14:14) UYesu ukwanawo namandla okulawula indalo. (Marko 4:35-41) Ngenxa yoko, kuya kuphela ukubandezeleka okubangelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Xa kulawula uKristu, akho ntlekele iya kwehlela abantu.—IMizekeliso 1:33.

Kuthekani ngezigidi zabantu abamsulwa abaye bafa kabuhlungu? Ngaphambi kokuvusa umhlobo wakhe uLazaro, uYesu wathi: “Ndim uvuko nobomi.” (Yohane 11:25) Ewe uYesu unamandla okuvusa okanye abuyisele ebomini abo baye bafa!

Ukuba uyavumelana nale ngcamango yokuphila kwihlabathi ekungasayi kwenzeka izinto ezimbi kubantu abalungileyo, kutheni ungazenzeli usukelo lokufunda ngakumbi ngoThixo oyinyaniso nangenjongo yakhe eBhayibhileni? AmaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo angakuvuyela ukukunceda ufumane olo lwazi. Sikumema ngokufudumeleyo ukuba uqhagamshelane nawo okanye ubhalele abapapashi bale magazini.