Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI IZINTO EZIBUHLUNGU ZISEHLELA ABANTU ABALUNGILEYO?

Zininzi Izinto Ezibuhlungu!

Zininzi Izinto Ezibuhlungu!

USmita, * ibhinqa elineminyaka eyi-35 laseDhaka, eBangladesh, lalinobubele yaye libathanda abantu. Abantu babemazi njengenkosikazi ezimiseleyo neyonwabileyo eyayinceda abantu bafunde ngoThixo. Intsapho nabahlobo bothuka boma xa uSmita waqutyulwa sisigulo esambulala kungekapheli neveki enaso!

UJames nomfazi wakhe abakubudala obukwisithuba seminyaka eyi-30 nabo babenobuntu obufana nobukaSmita. Ngenye intwasahlobo bahamba bayokutyelela abahlobo babo kunxweme olukwiNtshona yaseUnited States. Abazange babuyele kwikhaya labo eliseNew York. Ngoxa babekwiholide njalo baba kwingozi yemoto eyababulalayo. Oko kwabangela intlungu engathethekiyo kubantu ababathandayo.

Kucacile ukuba izinto ezibuhlungu zehla ndawo yonke. Iimfazwe zibulala abantu namajoni. Abantu abangenatyala baba ngamaxhoba olwaphulo-mthetho nogonyamelo. Iingozi ezibulalayo nezigulo zenzeka kubo bonke abantu enokuba bangakanani ngeminyaka okanye banemali engakanani na. Iintlekele zemvelo zibulala abantu ngokungenalusini. Ucalucalulo nokungekho sikweni zigqugqisile. Mhlawumbi nawe ukhe walixhoba.

Kuqhelekile ukubuza imibuzo enjengale:

  • Kutheni izinto ezibuhlungu zisehlela abantu abalungileyo?

  • Ngaba sinokumbeka ityala uThixo ngazo?

  • Ngaba iintlekele ziyazenzekela okanye zenziwa ngabantu?

  • Ngaba zizinto abantu ababezenza kwixa elidluleyo ezi zibaphathela iintlungu?

  • Ukuba kukho uThixo onamandla, kutheni ke engabakhuseli abantu abalungileyo kwizinto ezibuhlungu?

  • Ngaba izinto ezibuhlungu nezimbi ziya kuze ziphele?

Ukuba sifuna ukuphendula le mibuzo kufuneka siqonde izinto ezimbini: Kutheni izinto ezibuhlungu zisenzeka yaye uThixo uza kwenza ntoni ngazo?

^ isiqe. 3 Amagama atshintshiwe.