Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ixhala

Ixhala

Ixhala lintlu-mbini. Likho ixhala eliyingozi, kwaye likho neliluncedo. IBhayibhile isinceda siziqonde zombini ezi ndidi.

Ngaba kuyinto eqhelekileyo ukuxhalaba?

INYANISO

Ixhala liquka ukungazoli, ukoyika okanye ukukhathazeka. Ngenxa yokuba siphila kwihlabathi elingazinzanga, sonke sinokuba namaxhala.

OKO KUFUNDISWA

YIBHAYIBHILE UKumkani uDavide wabhala wathi: “Koda kube nini na ndixhathisa ngomphefumlo wam, intliziyo yam iba sentlungwini emini?” (INdumiso 13:2) Wancedwa yintoni uDavide? Wathandaza ephalaza imbilini yakhe kuThixo, ethembele kuthando lwakhe olunyanisekileyo. (INdumiso 13:5; 62:8) Enyanisweni, uThixo uthi masiwulahlele kuye umthwalo wethu. Eyoku-1 kaPetros 5:7 ithi: “Liphoseni kuye [uThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”

Ukwenzela abantu esibathandayo izinto ezintle kunokulinciphisa ixhala esinalo ngabo

Zidla ngokubakho izinto esinokuzenza ukuze sithobe ixhala. Ngokomzekelo xa umbhali weBhayibhile uPawulos ‘wayexhalabele onke amabandla,’ wasebenza nzima ebathuthuzela yaye ebakhuthaza abo wayebaxhalabele. (2 Korinte 11:28) Kwimeko yakhe, ukuxhalaba kwamenza wanceda abantu. Nakuthi kunokuba njalo. Kwelinye icala, ukungakhathali kuya kubonisa ukuba asibathandi abantu.—IMizekeliso 17:17

“Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”Filipi 2:4.

Ungamelana njani nokuxhalaba okugqithisileyo?

INYANISO

Abantu basenokuxhalatyiswa zizinto ezimbi abakha bazenza, lingomso okanye imali. *

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukuxhalatyiswa zizinto ezimbi esakha sazenza: Ngaphambi kokuba babengamaKristu, abanye ababephila ngexesha labapostile babengamanxila, abaphangi, abahenyuzi namasela. (1 Korinte 6:9-11) Kunokuba bahlale becinga ngezinto ababekade bezenza, batshintsha iindlela zabo baza bathembela kwinceba kaThixo. INdumiso 130:4 ithi: “Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe [Thixo], ukuze woyikwe.”

Ukungaqiniseki ngengomso: UYesu wathi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.” (Mateyu 6:25, 34) Wayethetha ukuthini? Cinga ngeengxaki onazo ngoku. Musa ukongeza nezangomso kuba loo nto iya kukwenza ungakwazi ukucinga kakuhle uze wenze izigqibo udyuduzela. Kwakhona, khumbula ukuba iingxaki ezininzi zisenokungabi yile nto ubuyicinga.

Iingxaki zemali: Enye indoda esisilumko yakha yathandaza yathi: “Musa ukundinika ubuhlwempu okanye ubutyebi.” (IMizekeliso 30:8) Wayefuna ukwaneliseka, nto leyo ayithandayo uThixo. KumaHebhere 13:5 sifunda oku: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba [uThixo] uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’” Ngokungafaniyo nemali evele iphele esithubeni, uThixo akanakuze abaphoxe abo bamthembayo nabaphila ubomi obulula.

“Andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.”INdumiso 37:25.

Ngaba siya kuze sikhululeke kumaxhala?

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Ngo-2008, kwiphephandaba iThe Guardian, intatheli uHarriet Green yathi: “Singena kwixesha lamaxhala.” Ngo-2014, uPatrick O’Connor wabhala wathi kwiThe Wall Street Journal: “Abantu baseMerika baxhalabe ngendlela engazange yabonwa ngaphambili.”

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

“Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.” (IMizekeliso 12:25) Elona ‘lizwi lilungileyo’ linokufunyanwa ‘kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.’ (Mateyu 24:14) Obo Bukumkani, urhulumente kaThixo, buza kwenza oko thina singenakuze sikwazi ukukwenza—ukuncothula neengcambu amaxhala, kuquka ukugula nokufa! “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [ethu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.

“Ngamana uThixo onika ithemba anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ngokukholwa kwenu.”Roma 15:13.

^ isiqe. 10 Kuya kuba bubulumko ukuba abantu abanezigulo zokuxhalaba ngokugqithisileyo badibane nogqirha. UVukani! akakhuthazi uhlobo oluthile lonyango.