Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amadoda Anexhala​—Indlela Enokunceda Ngayo IBhayibhile

Amadoda Anexhala​—Indlela Enokunceda Ngayo IBhayibhile

 Xa ucinga ngomntu onexhala, a ngaba ucinga ngomntu owoyikayo ade angakwazi kwenza nto? Ngaba ucinga ngomntu olala imini yonke okanye umntu osoloko ethetha ngeengxaki zakhe?

 Kuba njalo kwabanye abantu xa benexhala. Kodwa abaphandi bafumanise ukuba amadoda enza izinto ngendlela eyahlukileyo. Enye ingxelo ithi: “amadoda aye asebenzise utywala neziyobisi xa enexhala. Ngoko kusenokubonakala ngathi anengxaki yokusebenzisa kakubi utywala kodwa eyona ngxaki anayo ibe ilixhala. Ixhala lawo libonakala ngokuba nomsindo okanye ukukhawuleza ukukruquka.”

 Asingawo onke amadoda aba njalo. Nokuba umntu wenza ntoni, eyona ngxaki inkulu kula ‘maxesha ekunzima ukuwanyamezela’ lixhala. (2 Timoti 3:1) Ukuba unexhala, ngaba ingakunceda iBhayibhile?

Icebiso leBhayibhile Xa Unexhala

 IBhayibhile inamacebiso amaninzi anokusinceda xa sinexhala. Masithethe ngemizekelo emithathu.

  1.  1. “Ngoko ke, ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo. Usuku ngalunye luneengxaki ezilulingeneyo.”—Mateyu 6:34.

     Oko kuthethwa koku: Asimele sizixhalabise ngokugqithiseleyo ngento eza kwenzeka (okanye ingenzeki) kwixesha elizayo. Amaxesha amaninzi izinto esinexhala lokuba ziza kwenzeka zidla ngokungenzeki. Ngamanye amaxesha izinto ziye zibe bhetele kunokuba besilindele.

     Khawuzame le nto: Cinga ngexesha okhe wanexhala lokuba kuza kwenzeka into embi kodwa ayenzeka. Emva koko, jonga izinto ezikuxhalabisayo ngoku uze uzame ukubona enoba kungenzeka nyhani ukuba zibe ziingxaki ezinkulu.

  2.  2. “Njengokuba intsimbi ilolwa ngentsimbi, nomntu ulola umhlobo wakhe.”—IMizekeliso 27:17.

     Oko kuthethwa koku: Abanye abantu banokusinceda xa sinexhala ukuba siyabavumela. Banokusicebisa ngendlela abaye bancedakala ngayo. Ukuba abakwazi banokusinceda sizibone ngendlela eyahlukileyo izinto.

     Khawuzame le nto: Cinga ngomntu onokukucebisa njengomhlobo okhe wanengxaki efana nale yakho. Mbuze ukuba ziintoni ezamncedayo okanye ezingazange zisebenze kwimeko yakhe.

  3.  3. “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

     Oko kuthethwa koku: UThixo ubakhathalele kakhulu abantu abanamaxhala. Uyasimema ukuba sithandazele izinto ezisixhalabisayo.

     Khawuzame le nto: Bhala izinto ezikwenza ube nexhala. Emva koko uthandaze kuThixo uze umxelele ngengxaki nganye onayo uze umcele ukuba akuncede.

Amaxhala Aza Kuphela

 IBhayibhile ayipheleli nje ekucebiseni ngendlela yokuthoba amaxhala. Ithembisa ukuba kungekudala amaxhala esinawo namhlanje aza kuphela aze angaze aphinde abekho. Iza kwenzeka njani loo nto?

 UBukumkani bukaThixo buza kususa izinto ezibangela ixhala. (ISityhilelo 21:4) Phantsi kolawulo lobo Bukumkani asizukuba buhlungu ngokukhumbula amaxhala nestres.—Isaya 65:17.

 Le yinto “uThixo onika uxolo” athi iza kwenzeka kwixesha elizayo. (Roma 16:20) Uyasiqinisekisa: “Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani, utsho uYehova, ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.”—Yeremiya 29:11.

a Xa kuthethwa ngokuba “nexhala” kweli nqaku akuthethwaC ngesigulo, kuthethwa ngezinto ezisixhalabisayo kubomi bethu bemihla ngemihla. Abo banesigulo sokuba nexhala bangakhetha ukuya kugqirha.—Luka 5:31.