Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe Ngobuhlobo Nabanye Abantu

Makhe Sithethe Ngobuhlobo Nabanye Abantu

Xa kuthethwa ngobuhlobo, ngaba ubuya kuqala eBhayibhileni xa ufuna icebiso okanye ngaba ubuya kugqibelisa kuyo? Khawubone indlela ubulumko bayo bamandulo obuyiyo xa buthelekiswa nophando lwanamhlanje.

EIndiya

Ngokutsho kophando olwenziwe ngo-2014, ulutsha oluyi-61% oluneminyaka ephakathi kweyi-18 neyi-25 lukholelwa ukuba ukwabelana ngesondo ngaphambi komtshato “yinto nje engenamsebenzi eIndiya.” Omnye ugqirha oseMumbai waxelela iHindustan Times ukuba ngokwembono yakhe, “ukuthandana kwabafana neentombi akuthethi kuthi bacinga ngokutshatana. Enoba ngumntu abadibene naye baza balala naye ngaloo mini, umntu abalalana naye nje ukuzanelisa okanye ngumntu abahlalisana naye, loo nto ayithethi kuthi bazibophelele kuye.”

KHAWUCINGE NGOKU: Ngaba izifo ezidluliselwa ngokwabelana ngesondo kunye nomva-ndedwa zibangelwa kukwabelana ngesondo ngaphambi komtshato okanye emva komtshato?—1 Korinte 6:18.

EDenmark

Ukusoloko uxambulisana namalungu entsapho kuthiwa kunokubangela ukuba umntu afe ngaphambi kwexesha xa ephakathi kweminyaka eyi-45 neyi-64 ubudala. Abaphandi kwiUniversity of Copenhagen benza uphando kubantu abakobu budala abamalunga ne-10 000 kwisithuba seminyaka eyi-11 baza bafumanisa ukuba abantu ababesoloko bexambulisana nomntu osondeleyo kubo babenamathuba amaninzi okufa ngaphambi kwexesha kunabo babengafane baxambulisane namntu. Umbhali wolu phando uthi ukulawula amaxhala neemfuno nokulawula iingxabano “kunokujongwa njengeyona ndlela ibalulekileyo yokunciphisa ukufa ngaphambi kwexesha.”

IBHAYIBHILE ITHI: “Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi, nomntu oqondayo unomoya opholileyo.”—IMizekeliso 17:27.

EMerika

Ngokutsho kophando lwakutshanje olwenziwe kubantu abasandul’ ukutshata abayi-564 eLouisiana, abantu abahlukanayo baze baphinde babuyelane xa besathandana ngaphambi komtshato baba namathuba amaninzi okwahlukana kwiminyaka emihlanu yokuqala betshatile. Badla ngokusoloko bexabana kwaye abaneliseki kwimitshato yabo.

IBHAYIBHILE ITHI: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye [emtshatweni] makungahlukaniswa mntu.”—Mateyu 19:6.