Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

URHULUMENTE OZA KUZA NESISOMBULULO

“UBukumkani Bakho Mabufike”

“UBukumkani Bakho Mabufike”

IZizwe Ezimanyeneyo zikhuthaza ukuba abantu ehlabathini lonke basebenzisane, bahloniphe amalungelo abantu baze bakhusele nendalo. Ngoba kutheni? UMaher Nasser wathi kwimagazini ekuthiwa yiUN Chronicle: “Ukutshintsha kwemozulu, ulwaphulo mthetho, ukuhlupheka kwabantu ngoxa abanye bezizityebi, imilo engapheliyo, ukushiya kwabantu iindawo zabo ngenxa yeengxaki, ubugrogrisi kunye nezifo ezinganyangekiyo, ezi zinto zenzeka kuwo onke amazwe.”

Bakhona nabantu abaye bayixhasa into yokuba kubekho urhulumente wehlabathi lonke. Aba bantu baquka uDante (1265-1321) owayesisilumko, eyimbongi kwaye ekwezopolitiko kunye noAlbert Einstein (1879-1955) owayefundele isayensi. UDante wayekholelwa ukuba soze kubekho uxolo kwihlabathi elahlulwe yipolitiki. Wade wacaphula amazwi kaYesu athi, “ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza.”​—Luka 11:17.

Emva nje kwemfazwe yehlabathi yesibini, apho kwaye kwaqhushumbiswa iibhombu ezimbini zeathom, uAlbert Einstein wabhalela iZizwe Ezimanyeneyo ileta eyaphuma kwiphephandaba. Wathi: “IZizwe Ezimanyeneyo mazenze yonke into efunekayo ngokukhawuleza ukuze kubekho urhulumente oluncedo.”

Ngaba singaqiniseka ukuba iinkokheli zezopolitiko ezinokuba kulo rhulumente azisoze zirhwaphilize, zingakwazi ukulawula kakuhle okanye zibe? Okanye azizusuke zifane nabanye abalawuli abangakhathaliyo? Le nto isikhumbuza into eyathethwa ngomnye umbhali-mbhali waseBritani uLord Acton, owathi: “Igunya liyammosha umntu ibe limmosha nangakumbi xa lilikhulu kakhulu.”

Nangona kunjalo, ukuze abantu bonwabe, babe seluxolweni baze bavane, bafanele bamanyane. Ingenzeka njani loo nto? Ingenzeka phofu? IBhayibhile ithi ingenzeka. Ingenzeka nyhani loo nto kwaye iza kwenzeka. Njani? Ayizukwenziwa ngoorhulumente abalawulwa ziinkokheli zopolitiko ezirhwaphilizayo. Iza kwenziwa ngurhulumente kaThixo. Loo rhulumente uza kwenza kucace ukuba uThixo unelungelo lokulawula yonke into ayidalileyo. Yintoni loo rhulumente? IBhayibhile ithi ‘buBukumkani BukaThixo.’​—Luka 4:43.

“MABUFIKE UBUKUMKANI BAKHO”

UYesu Kristu wayecinga ngoBukumkani BukaThixo xa wathi makuthandazwe kuthiwe: “Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni.” (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani BukaThixo buza kwenza ukuba emhlabeni kwenziwe ukuthanda kukaThixo, hayi obabantu abathanda igunya nabazithandayo.

UBukumkani BukaThixo bukwabizwa ngokuba ‘buBukumkani bamazulu.’ (Mateyu 5:3) Ngoba? Nangona buza kulawula emhlabeni, abuzukulawula bulapha emhlabeni kodwa buza kuba sezulwini. Khawuyicinge kakuhle le nto. Lo rhulumente awuzukufuna abantu babhatale imali okanye irhafu. Baza kukhululeka nyhani abantu abaza kulawulwa ngulo rhulumente.

Eli gama lithi “ubukumkani” libonisa ukuba uBukumkani BukaThixo ngurhulumente olawulwa ngukumkani. UKumkani wabo nguYesu Kristu onikwe igunya lokulawula nguThixo. Xa ithetha ngoYesu, iBhayibhile ithi:

  • “Ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe . . . Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela.”​—Isaya 9:6, 7.

  • ‘Wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe . . . aluyi kudlula.’​—Daniyeli 7:14.

  • “Ubukumkani behlabathi buthe baba buBukumkani beNkosi yethu [uThixo] nobukaKristu wayo.”​—ISityhilelo 11:15.

Into ethethwa kumthandazo kaYesu iza kwenzeka xa uBukumkani BukaThixo busenza ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni wonke. Xa kulawula uBukumkani, bonke abantu baza kufunda indlela yokukhathalela umhlaba ukuze ube mhle kuze kugcwale lonke uhlobo lwezilwanyana.

Ngaphezu koko, uBukumkani BukaThixo buza kufundisa bonke abantu abalawulwa bubo. Bonke abantu baza kufundiswa imithetho efanayo. Akuzukubakho ukwahlukana okanye ukungevani. UIsaya 11:9 uthi: “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise. . . ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”

Ngelo xesha abantu baza kuba yile nto iZizwe Ezimanyeneyo ezicinga ukuba zingayenza, babe seluxolweni emhlabeni wonke baze bathandane. INdumiso 37:11 ithi: “Baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Liyeza ixesha apho singazuphinda sithethe “ngolwaphulo-mthetho,” “ukungcoliswa kwendalo,” “indlala” “nemfazwe.” Iza kwenzeka nini yonke le nto? Buza kulawula nini uBukumkani BukaThixo emhlabeni? Buza kulawula njani? Buza kukunceda njani wena xa bulawula? Makhe sive.