Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

BASIFUMANA ISISOMBULULO

Ibali LikaRicardo Nelika-Andres

Ibali LikaRicardo Nelika-Andres

Ukufundiswa yiBhayibhile kuyanceda kakhulu ibe kunokubenza bhetele ubomi. Nantsi imizekelo emibini: URicardo noAndres.

URICARDO: Xa ndandina-15, ndaba kwiqela elithile lootsotsi. Ndandisenza yonke into eyenziwa ngabahlobo bam. Kangangokuba, ndandifuna ukuvalelwa iminyaka eyi-10 entolongweni! Mhlawumbi unokuthi ayibhadlanga loo nto. Kodwa kwindawo endandihlala kuyo, abantu abachithe iminyaka entolongweni babe hlonitshwa. Nam ndandifuna loo nto.

Yonke into eyenziwa ngootsotsi ndandiyenza, njengokusebenzisa iziyobisi, ukwabelana ngesondo nokulwa. Ngobunye ubusuku, xa iqela lam lalidubulana nelinye, nam ndandilapho. Ndandicinga ukuba ndiza kufa, kodwa ndabaleka ndingonzakelanga. Emva koko ndacingisisa nyhani ngobomi bam nezinto endifuna ukuzenza, ndaza ndazixelela ukuba ndifuna ukutshintsha. Kodwa njani? Ngubani owayeza kundinceda?

Abantu abaninzi basekhaya babengonwabanga. Babeneengxaki. Kodwa intsapho yomnye umalume wam yayohlukile. Ndandiyazi ukuba ngabantu abalungileyo ibe baphila ngemithetho yeBhayibhile. Babekhe bandifundisa ukuba igama likaThixo nguYehova. Ngoko emva kwalaa mini yokudubulana kweqela lam nelinye, ndathandaza kuYehova, ndambiza ngegama, ndimcela ukuba andincede. Ndothuka xa ngemini elandelayo kwankqonkqoza iNgqina LikaYehova. Landifundisa iBhayibhile.

Emva koko kwabakho ingxaki. Abantu ababekade bengabahlobo bam babethanda ukundifowunela besithi masiyokonwaba. Nangona kwakungekho lula, andizange ndivume. Ndandizimisele ukuqhubeka ndifunda iBhayibhile. Ibe ndiyavuya ndingazange ndiyeke. Batshintsha nyhani ubomi bam ibe ndafumana olona lonwabo.

Ndikhumbula ndibalisela uThixo ukuba ndakha ndafuna ukuvalelwa iminyaka eyi-10 kuba nje ndifuna ukuhlonitshwa ngabahlobo bam. Ngoko ndamcela ukuba andivumele ndichithe nokuba yiminyaka nje eyi-10 ndishumayela ukuze ndincede abantu ngale ndlela nam ndancedwa ngayo. UThixo wawuphendula umthandazo wam kuba ndichithe iminyaka eyi-17 ndishumayela. Ibe zange ndaya entolongweni.

Abantu abaninzi ababekade bengabahlobo bam basavalelwe iminyaka emininzi entolongweni. Abanye basweleka. Xa ndicinga ngobomi bam, ndizibulela kakhulu izizalwane zam ezingamaNgqina. Babekulungele ukwahluka nokuphila ngemithetho yeBhayibhile. Ndaye ndabahlonipha ngendlela endingazange ndibahloniphe ngayo abahlobo bam ababeye entolongweni. Oyena mntu ndimbulelayo nguThixo, kuba undifundise eyona ndlela imnandi yokuphila ubomi.

UANDRES: Ndizalelwe ndaza ndakhulela kwindawo enabantu abasokolayo ibe kwakuqhelekile apho ukusetyenziswa kweziyobisi, ukuxuthelwa izinto, ukubulala nokuthengisa ngomzimba. Utata wam wayelikhoboka lotywala neziyobisi. Yena nomama babexabana bade babethane.

Ndisemncinci nam ndaqala ukusela utywala ndaza ndasebenzisa neziyobisi. Ndachitha ubomi bam esitratweni ndisiba kwaye ndithengisa izinto endizibileyo. Njengoko ndandikhula, utata wazama ukusondelelana nam kodwa ngendlela engafanelekanga. Wandifundisa indlela yokuthubelezisa iziyobisi kwamanye amazwe nezinto ezingekho mthethweni ndize ndizithengise. Ndandisenza imali eninzi ngexesha nje elincinci. Ngenye imini amapolisa andibamba apho ndandihlala khona ngezizathu zokuzama ukubulala. Ndaye ndagwetywa iminyaka emihlanu.

Ngenye imini ekuseni kwenziwa isaziso sokuba amabanjwa ayokumamela incoko yeBhayibhile eyayiqhutywa ngamaNgqina KaYehova. Nam ndaya. Zaziyinyani izinto ababezithetha, ngoko ndaye ndaqalisa ukufunda nabo iBhayibhile. Babengathethi nje izinto eziza kwehla kamnandi ebantwini, babethetha le nto ifunwa nguThixo.

Ndandiqonda ukuba andisoze ndikwazi ukwenza utshintsho ndingakhange ndifumane uncedo, ingakumbi xa ndaqalisa ukoyikiswa ngamanye amabanjwa awayengayithandi le nto ndandiyenza. Ngoko ndacela uYehova ukuba andinike amandla nobulumko ibe wandinceda. Endaweni yokubavumela ukuba bandoyikise, ndababalisela ngezinto endizifunda eBhayibhileni.

Xa kwafika ixesha lokuba ndikhululwe, ndandisoyika, yayingaske kuthiwe mandingahambi. Njengoko ndandiphuma, amanye amabanjwa ayendibhabhayisa. Abanye babede bathi, “Uhambe kakuhle mzalwana.”

Andifuni nokuyicinga ukuba ngebunjani ubomi bam ukuba ndandingazange ndimvumele uThixo andifundise. Ndimbulela kakhulu uYehova ngokundithanda nangokungandincami. a

a Ukuba ufuna eminye imizekelo yendlela iBhayibhile ekwazi ngayo ukutshintsha ubomi, yiya ku-jw.org/xh. Yiya kwindawo ethi LAYIBRARI ukhangele umxholo wamanqaku ahlukahlukeneyo othi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu.”