I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

I-JW BROADCASTING

Ukumamela Isandi KwiRoku

Ukumamela Isandi KwiRoku

Icandelo leSandi linezandi ezahlukahlukeneyo, liquka umculo, iidrama nemidlalo yeBhayibhile erekhodiweyo.

(Phawula: Indlela yokusebenzisa iRoku 3 ibonisiwe apha. Isixhobo sakho sokudlala iTV sisenokwahluka kancinci.)

Khetha iSandi kwiphepha lokuqala leJW Broadcasting ukuze ubone izandi ezahlukahlukeneyo ezikhoyo. Landela le ndlela iboniswe ngezantsi ukuze ufumane uze umamele iinkqubo zesandi:

 Mamela Inkqubo YeSandi

Sebenzisa imigca ekhombayo kwisixhobo sakho sokusebenzisa iRoku ukuze uye nakweyiphi na indawo kwiphepha leZandi. Iinkcukacha ezikhoyo zibonisa inkqubo okuyo nexesha elithathayo xa idlala.

  • Imigca ekhombe Phezulu naleyo ikhombe Ezantsi: Yiya kwezinye izandi ezahlukahlukeneyo. Umxholo weenkqubo ezahlukahlukeneyo uvela phezu kwesangqa.

  • Imigca ekhombe Ekhohlo naleyo ikhombe Ekunene: Yehla uphinde wenyuke kwinkqubo yesandi.

Icebiso: Ngentla kwicala elingasekunene kuvela inani leenkqubo zezandi ezikhoyo ibe kuvela nenkqubo okuyo ngelo xesha.

Cofa kwindawo ethi OK ukuze ukhethe leyo uyifunayo uze uyifake kwisixhobo sakho. Khetha enye yezi:

  • Dlala: Dlala isandi ukususela ekuqaleni.

  • Yimise: Misa inkqubo.

  • Buyela: Buyela kwinkqubo oye wayimisa.

    Phawula: Isandi osivulileyo simameleka kuphela xa ukwindawo esivulwe kuyo. Xa uphuma kwindawo esivulwe kuyo isandi siyacima.

  • Zidlale Zonke Izandi Ezahlukahlukeneyo: Zidlale zonke izandi ezikhoyo, uqala ngeso siboniswe kwindawo esivulwe kuyo.

    Phawula: Aziyi kuphinda ziqalele izandi xa zidlalwe zonke ezo zahlukahlukeneyo.

 Mamela IZandi Ezahlukahlukeneyo

Ukongeza ekumameleni isandi ngasinye, unokuzimamela zonke izandi ezahlukahlukeneyo. Ukuze wenze oku, sebenzisa enye yezi ndlela:

  • Dlala Zonke Izandi Ezahlukahlukeneyo: Xa ukwiphepha leZandi, yiya kule nkqubo ufuna ukuyimamela uze ucofe kuDlala Zonke Izandi Ezahlukahlukeneyo.

  • Dlala Zonke: Khetha indawo ethi Dlala Zonke ukuze uzidlale zonke izandi ezahlukahlukeneyo, uqala ngenkqubo yokuqala.

  • Dlala noba yeyiphi: Khetha indawo ethi Zingalandelelani kwizandi ezahlukahlukeneyo ukuze uzidlale zonke ngendlela yokuba zingalandelelani.

Phawula: Aziyi kuphinda ziqalele iingoma xa sele igqibile ukuzidlala.

 Oko Unokukwenza Kwisandi Osimameleyo

Xa kudlala inkqubo yesandi, unokwenza oko ufuna ukukwenza usebenzisa isixhobo sakho sokudlala iRoku ngale ndlela:

  • Simise: Misa isandi esidlalayo. Cofa iqhosha elifanayo ukuze ubuyele kwisandi osimisileyo.

  • Sise phambili: Yisa isandi phambili.

  • Buyela umva: Buyela kwiindawo ezisemva.

    Icebiso: Bukela indawo ebonisa apho ukhoyo ekumfanekiso ukuze ubone ukuba kumaxa undawoni.

  • Umgca Okhomba Ekunene: Dlulela kwenye inkqubo yesandi (okanye ucofe kuShuffle ukuze uye kwenye inkqubo).

  • Umgca Okhomba Ekhohlo: Buyela kwinkqubo yesandi osuka kuyo (okanye ucofe kuShuffle ukuze ubuyele kuleyo ibisele idlaliwe).

  • Iqhosha Lokubuyela Ekuqaleni: Buyela kwiphepha leZandi.