Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

I-JW Broadcasting

Kwi-JW Broadcasting ninokubukela izinto zobuthixo ezihlaziyayo njengentsapho. Bukela iinkqubo ezivela kwistudiyo se-JW Broadcasting, kunye neevidiyo ezithatyathwe kwi-jw.org. Bukela ijelo elineezividiyo imini yonke, okanye ubukele ividiyo nganye nangaliphi na ixesha kwindawo ethi Oovimba Beevidiyo. Yiya kwindawo ethi Ezirekhodiweyo ukuze umamele ezirekhodiweyo ezahlukahlukeneyo kuquka umculo, iidrama nemidlalo yeBhayibhile erekhodiweyo.

Zibukele kwikhompyutha, itablet, nakwifowuni kwi-tv.jw.org okanye kwiTV yakho usebenzisa isixhobo seRoku.

 

Izinto Onokuzenza KwiJW Broadcasting

Funda indlela onokuzisebenzisa ngayo izinto ezifumanekayo.

Bukela Iividiyo Ku-TV.JW.ORG

Funda indlela yokubukela ezibangela umdla kwikhompyutha, itablet okanye kwisixhobo se-elektroniki. Kwakhona funda nangendlela yokukhetha isitishi okanye indlela yokujonga indawo ethetha ngesitishi.

Bukela Oovimba Beevidiyo KwiTV.JW.ORG

Bukela iividiyo ezibangela umdla nangaliphi na ixesha. Khangela ividiyo, yenza oko ufuna ukukwenza— misa, buyela umva, okanye uye phambili. Bukela ividiyo ibenye okanye zonke ezo zahlukahlukeneyo.

Mamela Ezirekhodiweyo KwiTV.JW.ORG

Yonwabela ukumamela imidlalo yeBhayibhile erekhodiweyo nomculo. Dlala isandi okanye zonke ezikwicandelo.

Indlela Yokutshintsha Iisetingi Kwikhompyutha, Kwitablet Okanye Kwifowuni

Khetha umgangatho womfanekiso wevidiyo owufunayo, yenza amagama athethwayo avele ngezantsi okanye angaveli, khetha isitishi ofuna ukusibukela.

Bukela Oovimba Beevidiyo kwiRoku

Khangela ividiyo, wenze oko ufuna ukukwenza kwividiyo uze ubukele ezakutshanje okanye ezibangela umdla.

Ukumamela Isandi KwiRoku

Mamela inkqubo yesandi okanye izandi ezahlukahlukeneyo. Oko unokukwenza kwisandi osimameleyo.

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza​—IJW Broadcasting (KwiRoku)

Khangela iimpendulo zemibuzo edla ngokubuzwa.

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza​—IJW Broadcasting (KwiApple TV)

Khangela iimpendulo zemibuzo edla ngokubuzwa.

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza​—IJW Broadcasting (KwiFire TV)

Khangela iimpendulo zemibuzo edla ngokubuzwa.

I-JW Broadcasting

Isitishi esitsha sikamabonwakude esikwi-Intanethi esomeleza ukholo.