Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Siy’ntsapho Yakho

Siy’ntsapho Yakho

Dowunlowuda:

  1. 1. Ngoku sele sifikile

    Sihambe ixesh’ elide.

    Oko semkayo,

    UYehova uye

    Was’khusela nyhani.

    Umsebenz’ es’wenzay’ aw’lulanga,

    Kodwa ngokaYehova.

    Nale ntsapho siyayithanda kakhulu,

    Ngoko sithi kuni:

    (CHORUS)

    SingabakaYehova;

    S’manyene, siyintsapho.

    Noba ukweliph’ ilizwe,

    S’yak’thanda.

    Siy’ntsapho yakho.

  2. 2. Ngoku besifika apha,

    Niye nazokusamkela.

    Kwakhal’ umculo yaqal’ indibano,

    Sathandana ngakumbi.

    Kodwa s’yazi ng’Yehova kuphela

    Ongenza yonke le nto.

    Ngoko siza kumdumisa ngonaphakade

    Noba sivela phi.

    (CHORUS)

    SingabakaYehova;

    S’manyene, siyintsapho.

    Noba ukweliph’ ilizwe,

    S’yak’thanda.

    Siy’ntsapho yakho.

  3. 3. Inqwelo moy’ ibhabhela

    Kwindaw’ engaqhelekanga.

    Kodwa sishumayela k’bo bonke

    Abalungileyo.

    Nok’thandwa ngabazalwana bethu

    Kusenza samkeleke.

    Ngoko noba sivela kweyiph’ indawo,

    Sinithanda nonke!

    (BRIDGE)

    Kumnandi

    Ukuba nabany’ abazalwana,

    EMali, eMexico,

    EJapan, eJamaica.

    (CHORUS)

    SingabakaYehova;

    S’manyene, siyintsapho.

    Noba ukweliph’ ilizwe,

    S’yak’thanda.

    Siy’ntsapho yakho.

    Noba s’loluph’ uhlanga—

    S’manyene, siyintsapho.

    Uthando lwethu l’cacile

    Kuba siyintsapho kaThixo!

    Fiji, Tahiti neNew Caledonia;

    Navajo, Blackfoot, neCherokee;

    Azerbaijan, Kazakhstan, neEstonia—

    S’yak’thanda. Siy’ntsapho yakho.