Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Andilahlwanga

Andilahlwanga
  1. 1. Nd’jikelwe ndalahlwa,

    Ndashiywa ndindedwa,

    Andinalo nethemba,

    Intliziyo ilihlwili.

    Aph’ andinabani,

    Andikhathalelwa,

    Ndizokhala kubani?

    Ngubani ovelana nam?

    (CHORUS)

    And’lahlwanga;

    Zange, nd’lahlwe.

    Soze nd’lahlwe,

    NguYehova

    Kub’ uyazi,

    Uyabona.

    Uyawuv’ u;

    Mthandazo wam.

    Noba kwenzekani,

    Andilahlwanga.

  2. 2. Noba kwenzekani

    Ndizokuthobela,

    Noba bandenza ntoni,

    Wena uya kuthembeka.

    Uk’fuphi kum Thixo,

    Soze undishiye.

    Ndixhomekeke kuwe​—

    Wena awuyi kund’phoxa.

    (CHORUS)

    And’lahlwanga;

    Zange, nd’lahlwe.

    Soze nd’lahlwe,

    NguYehova

    Kub’ uyazi,

    Uyabona.

    Uyawuv’ u;

    Mthandazo wam.

    Noba kwenzekani,

    Andilahlwanga.

    Zange, nd’lahlwe.

    Soze nd’lahlwe,

    NguYehova

    Kub’ uyazi,

    Uyabona.

    Uyawuv’ u;

    Mthandazo wam.

    Noba kwenzekani,

    Andilahlwanga.