Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndimxolele

Ndimxolele

Dawunlowuda:

  1. 1. Ndinomsindo. Andikwaz’uxola

    Iyand’khathaza; iyand’sinda

    Ngaske izinto zitshintshe.

    Kufuneka ndimxolele,

    Kodwa ayindim owonileyo.

    Ngoko andinakumxolela.

    (PRE-CHORUS)

    Xa sele kunje mandithandaze.

    Ubonil’uYehova kwenzekeni.

    Ib’ undinik’ amandla

    (CHORUS)

    O Kuxolela.

    Andizukwazi ukuyenza lento.

    “Yehova ndincede;

    Ndide ndimxolele.”

    Uzandenza ndikwazi ukuxolela

    Nokuyilibala lento.

    “Yehova ndincede;

    Ndide ndimxolele.”

    Ndimxolele.

  2. 2. Ndiyazama ukuy’libala,

    Kodwa iphinde ibuye.

    Ngaske ndingayilibala.

    Kufuneka ndizimisele.

    Ukuze ndingaphindi ndiy’cinge.

    Andikwazi ‘kuya phambili.

    (PRE-CHORUS)

    Xa sele kunje mandithandaze.

    Ubonil’uYehova kwenzekeni.

    Ib’ undinik’ amandla

    (CHORUS)

    O Kuxolela

    Andizukwazi ukuyenza lento

    “Yehova ndincede;

    Ndide ndimxolele.”

    Uzandenza ndikwazi

    Ukuxolela nokuyilibala lento.

    “Yehova ndincede;

    Ndide ndimxolele.”

    Ndimxolele.

    Ndimxolele.

    Ndimxolele.

    Ndimxolele.