Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 8

Xa Kufika Amaxesha Obunzima

Xa Kufika Amaxesha Obunzima

“Niyaphuphuma yimihlali, nangona okwethutyana ngoku, ukuba kumele kube njalo, nisiva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.”—1 Petros 1:6

Nangona nizama kangangoko ukuba nomtshato owonwabileyo, ngamanye amaxesha kwenzeka izinto ezinokwenza kube nzima ngani ukonwaba. (INtshumayeli 9:11) Ngothando uThixo uyasinika uncedo xa kuvela iingxaki. Ukuba ulandela la macebiso eBhayibhile alandelayo, wena nentsapho yakho niya kukwazi ukunyamezela nkqu nezona ngxaki zinzima.

1 THEMBELANI NGOYEHOVA

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Ningaze nilibale ukuba iingxaki zenu azibangelwa nguThixo. (Yakobi 1:13) Kodwa ukuba nisondela kuye uya kuninceda. (Isaya 41:10) “Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.”—INdumiso 62:8.

Niya kuthuthuzeleka naxa nifunda iBhayibhile yonke imihla. Niya kutsho niyibone indlela uYehova ‘athuthuzela ngayo kuyo yonke imbandezelo.’ (2 Korinte 1:3, 4; Roma 15:4) Uthembisa ukuninika ‘uxolo lwakhe olungaphaya kokuqonda.’—Filipi 4:6, 7, 13.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Celani uncedo kuYehova ngomthandazo ukuze nizole nize nikwazi ukufumana isicombululo

  • Phindani nihlolisise onke amacebo enicinga ngawo nize nikhethe elona libonakala lilungile

2 KHATHALELA WENA NENTSAPHO YAKHO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Intliziyo yoqondayo izuza ukwazi, nendlebe yezilumko ifuna ukufumana ukwazi.” (IMizekeliso 18:15) Yazi yonke into ngentsapho yakho. Zama ukuqonda ukuba yintoni efunwa lilungu ngalinye lentsapho. Ncokola nabo. Bamamele.—IMizekeliso 20:5.

Kuthekani xa kusifa ilungu lentsapho? Sukoyika ukuphalaz’ imbilini yakho. Ukhumbule kaloku ukuba zakha ‘zathi waxa iinyembezi nakuYesu.’ (Yohane 11:35; INtshumayeli 3:4) Ukuphumla nokulala ngokwaneleyo nako kubalulekile. (INtshumayeli 4:6) Loo nto iya kwenza kungabikho nzima kangako ukunyamezela imeko ebuhlungu.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Kuqhele ukuncokola nentsapho yakho kwangoku kungekaveli ngxaki. Kuya kuba lula ngayo ukuncokola nawe naxa sele kuvele ingxaki

  • Buza nakwabanye abakhe mhlawumbi banengxaki efanayo

3 FUNA UNCEDO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Abahlobo bakho bafuna ukukunceda, kodwa basenokungazi ukuba baqale ngaphi. Sukonqena ukubaxelela eyona nto uyifunayo. (IMizekeliso 12:25) Kwakhona, funa uncedo lweZibhalo kwabo bayiqondayo iBhayibhile. Uncedo abaza kukunika lona olusekelwe eBhayibhileni luya kukunceda.—Yakobi 5:14.

Uncedo uya kulufumana xa uzidibanisa nabantu abanokholo kuThixo nabamthembayo. Uya kutsho uthuthuzeleke nawe xa unceda abo bafuna ukhuthazo. Kholwani xa ninonke kuYehova nakumathemba akhe. Hlala uxakeke kukunceda abo badinga uncedo yaye ungazikhethi kwabo bakuthandayo nabakukhathaleleyo—IMizekeliso 18:1; 1 Korinte 15:58.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Thetha nomhlobo osenyongweni uze umvumele akuncede

  • Chaza izinto ofuna uncedo kuzo unyanisekile