Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 9

Nqulani UYehova Njengentsapho

Nqulani UYehova Njengentsapho

“Mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba.”—ISityhilelo 14:7

Njengoko nifundile kule ncwadana, iBhayibhile inemigaqo emininzi enokunceda nina nentsapho yenu. UYehova ufuna nonwabe. Uthembisa ukuba xa nimbeka kwindawo yokuqala “zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Ufuna ukuba nibe ngabahlobo bakhe. Ngoko yenzani yonke imizamo yokukhulisa ubuhlobo benu kunye noThixo. Eli lelona lungelo likhulu elinokufunyanwa ngumntu.—Mateyu 22:37, 38.

1 QINISANI UBUHLOBO BENU NOYEHOVA

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “‘Ndiya kuba nguyihlo kuni, nina nibe ngoonyana neentombi kum,’ utsho uYehova.” (2 Korinte 6:18) UThixo ufuna ukuba nibe ngabahlobo bakhe abasenyongweni. Ninokuyenza loo nto ngokuthandaza kuye. UYehova unimema ukuba ‘nithandaze ngokungapheziyo.’ (1 Tesalonika 5:17) Ufuna ukwazi iingcinga zenu namaxhala eninawo. (Filipi 4:6) Xa uthandaza nentsapho yakho, iya kutsho ibone indlela abaluleke ngayo uThixo kuwe.

Ngaphezu kokuthetha kwenu noThixo, kusafuneka nokuba nimphulaphule. Ninokuyenza le nto ngokufunda iLizwi lakhe iBhayibhile kunye neencwadi ezisekelwe kuyo. (INdumiso 1:1, 2) Camngcani ngezinto enizifundayo. (INdumiso 77:11, 12) Ukuphulaphula uThixo kuquka nokuba niye rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.—INdumiso 122:1-4.

Ukuthetha nabanye abantu ngoYehova kuyenye indlela yokuqinisa ubuhlobo naye. Xa nisenza oku niya kuziva nisondele ngakumbi kuye.—Mateyu 28:19, 20.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Bekelani bucala ixesha lokufunda iBhayibhile nokuthandaza yonke imihla

  • Qinisekisani ukuba intsapho yenu ixabisa izinto zokomoya ngaphezu kokuzonwabisa

2 LUNANDIPHENI UNQULO LWENU LWENTSAPHO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Yenzani uhlengahlengiso ukuze nibe nonqulo lwentsapho rhoqo. (Genesis 18:19) Kodwa ke kusafuneka okungakumbi. UThixo makabe nendawo ebomini benu bemihla ngemihla. Qinisa ubuhlobo bentsapho yakho noThixo ngokuthetha ngaye “ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7) Yiba nosukelo lokufana noYoshuwa, owathi: “Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.”—Yoshuwa 24:15.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Zimisele ukunceda ilungu ngalinye lentsapho kwiimfuno zalo