Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGOOBANI AMANGQINA KAYEHOVA?

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

Siyintlangano ekumazwe ngamazwe engenanto yakwenza namanye amaqela onqulo. Nangona ikomkhulu lethu liseMerika, uninzi lwamaNgqina kaYehova luhlala kwamanye amazwe. Inyaniso kukuba, izigidi ezimalunga nezisibhozo zifundisa abantu iBhayibhile kumazwe angaphezu kwayi-230, ngaloo ndlela zithobela amazwi kaYesu athi: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.”—Mateyu 24:14.

Enoba sihlala phi, sithobela umthetho, ngoxa sizama ukungathath’ icala kwezopolitiko. Senza oko kuba sithobela umyalelo kaYesu oya kumaKristu othi, ‘singabi yinxalenye yehlabathi.’ Ngenxa yoko asingeni kwipolitiki yaye asiyixhasi nemfazwe. (Yohane 15:19; 17:16) NgeMfazwe yeHlabathi II, amaNgqina kaYehova avalelwa entolongweni, angcungcuthekiswa kuba ayengavumi ukuthatha cala kwezopolitiko. Owayesakuba nguBhishophu waseJamani wabhala: “Ngokwenene ngabo kuphela abangazange bavume ukuxhasa amaNazi.”

“[AmaNgqina kaYehova] ngabantu abaziphethe kakuhle kakhulu. Ebenokufumana izigxina eziphezulu kwezopolitiko, nto nje awusoze uwabone kuzo. . . . Ayawahlonela amagunya karhulumente kodwa akholelwa ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obunokucombulula zonke iingxaki zoluntu.”—Iphepha-ndaba leRiphabliki yaseCzech, iNová Svoboda.

Nakuba kunjalo, asizenzi amakheswa. UYesu wathandazela abalandeli bakhe kuThixo esithi: “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini.” (Yohane 17:15) Ekubeni kunjalo, usenokusibona sisebenza, sisiya ezivenkileni nasesikolweni kwindawo ohlala kuyo.