Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engabandakanyeki Kwiipolitiki?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engabandakanyeki Kwiipolitiki?

AmaNgqina kaYehova akabandakanyeki kwiipolitiki ngenxa yoko kufundiswa yiBhayibhile. Asigayi voti, asivoteli maqela ezopolitiko ibe asibandanyeki kwizinto ezinento yokwenza nokutshintsha oorhulumente. Sikholelw’ ekubeni iBhayibhile inezizathu ezivakalayo ngokwenjenjalo.

  • Silandela umzekelo kaYesu, owalayo ukunikwa isikhundla kwezopolitiko. (Yohane 6:15) Wafundisa abafundi bakhe ukuba ‘bangabi yonxalenye yehlabathi’ ibe wayenza yacaca into yokungabandakanyeki kwezopolitiko.—Yohane 17:14, 16; 18:36; Marko 12:13-17.

  • Sinyaniseke kuBukumkani bukaThixo, uYesu awathetha ngabo xa wayesithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mateyu 24:14) Njengabameli boBukumkani bukaThixo, sivakalisa ukuza kwabo. Ngenxa yoko, asibandakanyeki kwimicimbi yezopolitiko yawo onke amazwe kuquka eli sihlala kulo.—2 Korinte 5:20; Efese 6:20.

  • Ngenxa yokuba singabandakanyeki kwezopolitiko, sithetha ngokukhululekileyo nabo bonke abantu abakwiipolitiki ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Sibonisa ngamazwi nangezenzo ukuba sithembele kuBukumkani bukaThixo ukuba bucombulule iingxaki zehlabathi.—INdumiso 56:11.

  • Ekubeni siphepha iyantlukwano zezopolitiko, simanyene ehlabathini lonke. (Kolose 3:14; 1 Petros 2:17) Ngokwahlukileyo, amalungu eecawa abandakanyekayo kwezopolitiko aba ziintlaba zahlukane.—1 Korinte 1:10.

Ukuhlonela oorhulumente. Nangona singabandakanyeki kwezopolitiko, siyamhlonela urhulumente welizwe esikulo. Oko kuvumelana nomyalelo weBhayibhile othi: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo.” (Roma 13:1) Siyawuthobela umthetho, sihlawule irhafu ibe siyasebenzisana nemigudu karhulumente yokunceda abahlali. Kunokuba sibandakanyeke ekubhukuqweni kukarhulumente, sithobela isiluleko seBhayibhile sokuthandazela “ookumkani nabo bonke abo bakwizikhundla eziphakamileyo,” ngokukodwa xa kufuneka benze izigqibo ezichaphazela inkululeko yethu yonqulo.—1 Timoti 2:1, 2.

Siyalihlonela ilungelo labanye abantu lokuzenzela izigqibo ngemibandela yezopolitiko. Ngokomzekelo, asiphazamisi xa kukho unyulo okanye siphazamise abo bakhetha ukuvota.

Ngaba ukungabandakanyeki kwezopolitiko kwamaNgqina yinto yezi mini? Akunjalo. Abapostile namanye amaKristu enkulungwane yokuqala nawo ayengabandakanyeki kwezopolitiko. Incwadi ethi, Beyond Good Intentions ithi: “Nangona ekholelwa ukuba ayemele awahlonele amagunya alawulayo, la maKristu enkulungwane yokuqala ayengayikholelwa into yokuba afanele abandakanyeke kwezopolitiko.” Ngokufanayo, incwadi ethi, On the Road to Civilization ithi, amaKristu amandulo “ayengazifuni izikhundla zezopolitiko.”

Ngaba ukungabandakanyeki kwethu kwezopolitiko kuyingozi kurhulumente? Akunjalo. Singabemi abathand’ uxolo ibe akukho nto abasemagunyeni abamele bayoyike. Makhe sithethe ngengxelo ka-2001 yeNational Academy of Sciences yaseUkraine. Ithetha ngokungabandakanyeki kwethu kwezopolitiko, le ngxelo ithi: “Namhlanje abanye basenokungayithandi indlela enza ngayo amaNgqina kaYehova; ukungathath’ icala kwawo kwabangela ukuba urhulumente wamaNazi nowamaKomanisi angawaginyi ncam.” Sekunjalo, nakuba ayecinezelwa kwiSoviet, amaNgqina “ayengabemi ababeqhubeka bethobela umthetho. Ayenyanisekile ngoxa ayesebenza ezifama nakwimizi-mveliso ibe ayengeyongozi kurhulumente wamaKomanisi.” Ngokufanayo namhlanje, iinkolelo zamaNgqina kaYehova “aziyongozi nakowuphi na urhulumente.”