Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba nyhani iBhayibhile liLizwi likaThixo?

Unokulindela ukuba iLizwi likaThixo lahluke, yaye iBhayibhile injalo. Kuye kwaprintwa iibhiliyoni zeeBhayibhile ngeelwimi ezingamakhulu-khulu. Ubulumko obuseBhayibhileni bunamandla okuguqula ubomi babantu.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:13; 2 Timoti 3:16.

Siyazi ukuba iBhayibhile ivela kuThixo kuba ilichaza kakuhle ikamva. Akakho umntu onokuyenza loo nto. Ngokomzekelo, cinga ngencwadi kaIsaya. Ikopi yayo eyayenziwe ngaphezu kweminyaka elikhulu ngaphambi kokuzalwa kukaYesu yafunyanwa kumqolomba okufutshane noLwandle Olufileyo. Ithi isixeko saseBhabhiloni sasingazukuba nabemi. Oko kwenzeka okokuqala kwiminyaka emininzi emva kokuphila kukaYesu emhlabeni.—Funda uIsaya 13:19, 20; 2 Petros 1:20, 21.

Yabhalwa njani iBhayibhile?

IBhayibhile yabhalwa kwixesha eligubungela iminyaka eyi-1 600. Ababhali bayo abamalunga ne-40 babhala ngomxholo omnye ngaphandle kokuphikisana. Yenzeka njani loo nto? Babesalathiswa nguThixo.—Funda eyesi-2 kaSamuweli 23:2.

Ngamanye amaxesha uThixo wayethetha nababhali beBhayibhile esebenzisa iingelosi, imibono okanye amaphupha. Ngokuqhelekileyo, uThixo wayefaka iingcinga zakhe engqondweni yombhali aze amvumele asebenzise amazwi akhe ukuze achaze oko kuthethwa nguThixo.—Funda iSityhilelo 1:1; 21:3-5.